Umbhali uNtombozuko Matshamba (36).
Lihle Sokapase
Udliwanondlebe noNtombozuko Matshamba
UNtombozuko Matshamba (36) ngumbhali ozalelwe kwiphondo leMpuma Koloni kwilali yaseKhayelitsha eFrankfort, kufutshane naseQonce. Uwafunde apho amabanga aphantsi. Kuthe kwakufika ixesha lokuba enze amabanga aphakamileyo wemka eMpuma Koloni waya eNtshona Koloni kwilokishi yakwaLanga eKapa wafunda eKhulani High School.
Kule nyanga yeKhala uNtombozuko uye wapapasha incwadi yakhe yokuqala esebenzisana neNgqa Phambili Publishing. Loo ncwadi yingqokelela yemibongo enesihloko esithi ‘UMABUY’ EKWENDENI’.
I’solezwe lesiXhosa likhe lahlala phantsi lancokola nalo mbhali ngelifuna ukwazi banzi malunga nale ncwadi yakhe, izinto ezimchukumisayo ukuze abhale, kwakunye neminqweno yakhe njengombhali. Imibuzo neempundulo zombhali ziyalandela apha ngezantsi.
Sis’ Ntosh siyakuhalalisela yaye sivuyisana nawe njengokuba usandul’ ukupapasha le ngqokelela yemibongo. Ungasixelela ukuba ususwe yintoni ukuze ubhale ngokubuya kwakho emendweni ngendlela echukumisa kangaka?
Into eye yandikhuthaza ukuba ndibhale ngebali lam lomtshato kungokuba ndiyibonile imitshato iphela, emininzi yaphela neempilo zabantu. Ukuphuma ndiphila kundinike isibindi sokuthetha ngale nto igqiba oodade wethu emendweni, nokulumkisa abalandelayo ukuba baziqaphele ezi zinto.
Ukubhala ngomtshato wakho oye waqhawuka kukuncede kanjani ukuba umelane neemvakalelo nemingeni oye wajongana nayo ngela xesha ububhala?
Ukubhala ngomtshato wam ophelileyo kwakungekho lula kakhulu. Kuye kwandibuyisela umva, emva kokubhala ndililele iphepha nosiba kwandenza ndaziva ngcono emva kwexesha.
Unethemba lokuba abafundi bakho baya kuchukumiseka njani yimibongo yakho, ngakumbi abo babekhe banengxaki efanayo baqhawukelwa yimitshato?
Bekunga abalandeli bam bangafunda kwiimpazamo zomendo wam, balungise kungade kumoshakale kakhulu. Abafana nam ababuyileyo bazamkele bangazijongeli phantsi, baqhubeke nobomi.
Ingaba bekukho imibongo ethile ebekunzima kakhulu ukuba uyibhale, kwaye ukuba kunjalo, bekusenziwa yintoni oko?
Umbongo onesihloko esithi ‘QAMATA UTHULELENI?’ bekunzima kakhulu ukuwubhala. Bendisoloko ndibhala imigca embalwa ndiyeke phakathi. Suke ndamane ndiboniswa abantu abalimala ezinkonzweni ngokwahlukileyo. Ndaqonda kunyanzelekile ndiwubhale, ndawulandelisa mva seyibhaliwe eminye.
Ngowuphi umyalezo onethemba lokuba abafundi bakho baya kuwufumana kwingqokelela yakho, ngakumbi ngokunxulumene nobudlelwane obujike baba muncu?
Ndingathanda ukuba abafundi bale ncwadi bafunde ukuzibeka phambili. Xa ebona ukuba akusekho nto ingalungiswa kwaye impilo yakhe isebungciphekweni, athathe isigqibo esiza kulungela yena nabantwana bakhe.
Ingaba ukhe waba nako ukuthandabuza okanye ukoyika ukwabelana ngamava asemtshatweni ngemibongo yakho? Ukuba kunjalo, uwoyise njani loo mathandabuzo?
Andikhange ndibe neentandabuzo ngokubhala ngomtshato wam ngokuba bendisele ndizamkele ingasandihluphi. Bendisele ndisomeleza ngalo abanye oomakoti, uninzi lwabo lusahleli ngenxa yeengcebiso zam.
Ingaba ukupapasha le ngqokelela yemibongo kukuphilisile emphefumlweni wena njengombhali?
Kundincedile kakhulu mna ukuthetha ngebali lam kwandipholisa. Ngoku ndibalisa sendilihleka sekuhlupheka lo umameleyo.
Ingaba kukho iimbongi okanye ababhali abathile abaphembelele isimbo sakho sokubhala?
Hayi. Kum ukubhala kuza ngendlela endiziva ngayo ngelo xesha. Imibongo emininzi kule ncwadi ayibhekisi kum, ndiye ndazifaka ezihlangwini zamaxhoba.
Ungabelana nathi kancinci malunga nendlela yakho yokubhala? Uzigqithisa njani iimvakalelo namava akho kwisihobe sakho?
Xa ndibhala kubakho ividiyo yeso simo ndibhala ngaso apha engqondweni. Encwadini ndikhuphela yonke le nto ndiyiboniswayo. Amaxesha amaninzi ndiye ndingakwazi ukumelana nobuhlungu endibubonayo engqondweni, ndikhale incwadi ibe manzi ziinyembezi. Ndiba kwesa simo ngokwengqondo nangomzimba, ndizibone ndingcangcazela umzimba wonke. Ndiye ndithathe ikhefu ekubhaleni ndikhale, ukuphola kwam ndiqhubeke. Imibongo emininzi ke ndiyibhala ngaloo ndlela.
Ingaba ukubhala le ngqokelela yemibongo kulutshintshile kusini na uluvo lwakho malunga nothando ngokubanzi?
Hayi, nto nje indivule amehlo. Umtshato nothando yinto entle kakhulu, kwaye xa linakuphinda libe khona ithuba ndingaphinda nditshate.
Ungabanika ngcebiso zithini abo banqwenela ukuba ngababhali abafuna ukubhala ngamava abo kunye neemvakalelo zabo, ngakumbi xa kuziwa kwizihloko ezinobuzaza ezifana nobudlelwane obuqhawukileyo?
Into endinakuyicebisa kubabhali abanqwenela ukubhala ngobomi babo kukuba mabaqiniseke ukuba bapholile kuqala. Makube kanti sikhona isifundo umbhali asifundileyo kwibali lakhe ukuze akwazi ukucebisa umntu osajongene neso sehlo ebomini bakhe.