Abantu abadala kwiholo eMonti bebhiyozela usuku lukaNelson Mandela. UMFANEKISO: BCM
Bangapha kwamakhulu amathathu (300) amaxhegwazana kwakunye namaxhego athe abhaqa amaqithiqithi asuka kumasipala ombaxa iBuffalo City ibambisene neBuffalo City Development ngenjongo zokukhumbula usuku lokuzalwa kwalowo wayesakuba nguMongameli weli uNelson Rholihlahla Mandela, owaziwa njengoMadiba.
Aba bantu badala bafumene iingubo ezimfumamfuma kwakunye neeziqhuma zokutya. Bebonke baphuma kwiiwadi ezingamashumi amahlanu (50) zaseBCMM.
Lo msitho unxalenye neliphulo leMandela Day apho kuchithwa imizuzu eyingamashumi amathandathu anesixhenxe (67) usenza okuhle ingakumbi kwabo bangathathintweni.