Zoleka Gantana (57) ongumnikazi venkile eNcerha Village 7 nobhaqwe enqunqiwe owatshiswa ekunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27).
Inkonzo yamaWisile iKing Hintsa District 0309 icele ungenelo koPhezulu emva kokufunyanwa kwemizimba yamakhosikazi amabini abelahlekile, uZoleka Gantana (57) nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27). Anqunqwe amalungu, atshiswa phambi kokujulwa edamini. UGantana noMpunga baduke ngeCawa umhla wethoba kwinyanga yeKhala emva kokuxhwilwa kwabo kwivenkile kaGantana, eNcerha Village 7, eyilali ephantsi kweMonti.
Imoto yabo eyibhaki yakwa-Isuzu enombala omhlophe ibingekho, kanti nangaphakathi evenkileni kwakuthe sa kuthathwe nokutya okuthengiswayo ngomhla wesehlo.
Amaxhoba afunyenwe ngoMgqibelo edamini elingakwifama ekwilali yaseGcinisa, eNgqushwa. Imoto yona ifunyenwe ixingile ingenamntu ngaphakathi. Ngokwengxelo kaBrigadier Tembinkosi Kinana, amalungu omzimba wamaxhoba abhaqiweyo athathwe asiwa kumzi wabangcwabi okufutshane.
UKinana uthi kukwalindeleke ukuba imizimba isiwe nakwaforenzikhi ukuze kwenziwe uphando. Abarhanelwa abaphakathi kwamashumi amane ukuya kumashumi amahlanu eminyaka ubudala, kulindeleke ukuba bavele ngoMvulo kwiNkundla yamatyala eMonti. Bobabini bajongene namatyala aliqela afana nelokubulala, ukuxhwila nokuphanga.