Abohlangulo kwiindlela zeMpuma Koloni ezigutyungelwe likhephu. UMFANEKISO: DoT
IMpuma Koloni kwindawo ezithile igutyungelwe likhephu elenza ingqele eqhaqhazelisa amazinyo.
Isebe lezoThutho kwanoKhuseleko lilumkisa uluntu likwabongoza nabaqhubi ekubeni babenononophelo ezindleleni nje ngoko zityibilika iimoto ezindleleni ngenxa yekhephu.
UN9 phakathi kweRhafu iMetele naku R6 phakathi kweRhafu kwakhona, eJamestown, eKaladokhwe nakwaKomani nazo zivalile kwaye kubongozwa abaqhubi basebenzise ezinye iindlela.
Sithetha nje abohlangulo basePenhoek apho iteksi kwakunye nebhasi zityibilike zalala ngamacala ngenxa yendlela etyibilikisayo.
Isithethe seli Sebe eMpuma Koloni uUnathi Binqose uthi, okwangoku akukho mntu uvakalayo owonzakaleyo kule ngozi yenzekileyo. Ukwabongoze abaqhubi ekubeni baqaphele kungenjalo bakhangele ezinye indlela ezingaguyungelwanga likhephu.