Bayavela kusasa ngomso uLwesithathu kwiNkundla yamaTyala, eNgqushwa, abafana ababini onama21 eminyaka ubudala kwakunye nonama38 eminyaka ubudala abajongene netyala lokupakanyela intwazana eneminyaka emihlanu (5) beyidlwengula. Oku kwenzeke ngeCawa emva kwemini emveni kokulahleka kwale ntwazana kumzi othile obunesici kwilali yaseMgababa, eNgqushwa.
Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ithi emva kwethuba engabonakali umntana umama wakhe emkhangela, uthe gqi sele ekwimeko exhalabisayo futhi engathandeki. Ngethuba engcanjaziswa umntwana, uye wachaza okwenzeke kuye. Uthe uhambe noobhuti ababini bamsa kwihlathi lasePrudhoe apho bafike bampakanyela khona bemdlwengula.
Abahlali baye babhinqa omfutshane bakhangelana abenzi bobubi. Babambe onama21 babiza amapolisa. Yena owesibini (38) uye wabanjwa ngamapolisa. Kulindeleke ukuba avele kusasa ngomso (uLwesithathu) umhla we14. Akukho kokuqala abahlali baseNgqushwa bebhinqa omfutshane xa kukho isehlo esibi futhi bayasebenzisana namapolisa. Kutshanje, bahlangule inkwenkwana enesibhozo seminyaka ebiphethwe kakubi ngutata wayo.