Bayavela enkundleni abafundi baseFort Hare abalishumi elinesibini (12), emva kokuba bethe babanjwa ngeCawa bebanjelwa ukonakalisa izakhiwo zale yunivesithi ngethuba bebambe uqhankqalazo.
UWarrant Officer Majola Nkohli, uthi abafundi babanjelwe ukumosha kwanokonakalisa izakhiwo zale yunivesithi, nekuquka iholo lokubhalela iimviwo, ukukhupha iimpahla ngaphakathi kumagumbi, ukonakalisa iikhamera zesikolo, ukuthatha ukutya kwivenkile yesikolo kwanokuzama ukutshisa ngaphandle kwiholo.
UNkohli uthi unobangela wokuba abafundi benze oku zingxaki zangaphakathi ezimalunga neemviwo eziqhubayo njengoko kukho abanye abangakwaziyo ukubhala.
Abarhanelwa nabaphakathi kweminyaka eyi19-22 ubudala, balindeleke ukuba bavele kusasa uLwesbini eDikeni, malunga nezityholo abajongene nazo zokonakalisa.