Iindaba

Izicwangciso ngendlela eneengozi ezimasikizi

Abongile Ginya|Published

Indlela ephakathi kwelokishi iNorth Crest kwakunye nendawo yokutyelela eyaziwa ngokuba kukwaDan's Place kude kufuphi nedolophu yaseMthatha, esele isube imiphefumlo emininzi ngenxa yokungathobelani kwabaqhubi bezithuthi, ide yabe ithathelwa ingqwalasela ngurhulumente waseMpuma Koloni.

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko ePhondweni, uXolile Nqatha, uyalele iqumrhu elijongene nokwakhiwa kweendlela uSANRAL ekubeni ayinwenwise le ndlela ukuze kunqandeke ezi ngozi ziquqayo kule ndawo.

Eyakutsha nje ingozi isube imiphefumlo esibhozo, amadoda asixhenxe kwakunye nowasetyhini omnye. Oku kuza emva kokuba izithuthi zikawonkewonke ezimbini ziye zangquzulana ngeentloko kule lali yaziwa ngokuba kuseMakhaphatshwini.

UNqatha okwangoku uyalele ukuba kube kufakwa iingqumba eziza kuthi zenze abaqhubi bathobe isantya kule ndawo ukunqanda inani eliphezulu lokusweleka kwabantu kwiingozi.

“Sibongoza abaqhubi kwakunye nabahambi ngeenyawo, ukuba nabo bayatshayiswa kule ndlela, ekubeni bahlale bethe qwa ukuze basinde kwaye kuphunguleke nezinga eliphezulu lokubhubha kwabantu kule ndawo. Sikwalilisana neentsapho ezathi zaphulukana nezihlobo zazo kule ndawo. Sifuna ukuniqinisekisa ukuba siyithathela amanyathelo le ngxaki kwaye sele sithethile noSANRAL,”utshilo uNqatha.

Ingxelo ephuma kwisithethi seli sebe,, uUnathi Binqose, ithi kukwavakala ingxelo yokuba nabantu abahamba ngeenyawo ngamaxhoba okutshayiswa nabo ziimoto kule ndawo. Uninzi sele luphulukene nobomi luwela kule ndlela.