Abazali nabagcinizintsana kufuneka baqinisekise ukuba abantwana ababi ngamaxhoba oozungulichele bezidlwengu nabenzi bamanyala.
Icandelo lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqosiseko lithi izidlwengu zithe gqolo ekuqeqesheni abantwana abancinci ekubeni babukele izenzo zamanyala , okanye ziwenze kubo loo manyala. Kumaxa amaninzi abantwana abanalwazi lokuba into abayenziswayo igwenxa okanye ivumelekile kuba beyenziswa ngumntu omdala, maxa wambi abamaziyo nothenjwe ngabazali babo.
“Kumathuba amaninzi bathi abantwana besakufumanisa iinjongo zomntu okumila kunje, boyike ukuxelela abazali ngenxa yokuba mhlawumbe kudala iqhubeka le nto. Lulwaphulomthetho olu ekumele lwaziswe amapolisa ngoko nangoko,” eli sebe lipapashe eso silumkiso kumnatha waso wolwazi.
Inqokonqoko yeChildline South Africa (ChildlineSA) uDumisile Nala uxelele abazali nabagcinizintsana ukuba abantu abenza amanyukunyezi anje ngabantu abakhangeleka benyulu benganako nokubulala impukane ngokwenkangeleko.
“Aba bantu akulula ukubaqonda de benze isenzo esinjalo,” uNala utshilo.
“Aba bantu babonakala ingamalungisa onokuwathemba, kwaye maxa wambi benza izenzo ezibangela ukuba bathenjwe luluntu.
“Abantwana nabagcini babo baye bakholelwe ekubeni lo mntu uze ngesihle kanti yingcuka ethe wambu ufele lwegusha. Ekuhambeni kwexesha, lo mdlwenguli ubonakalisa iimpawu zakhe kube sekonakele,” uNala ucacisa ngakumbi.
Ngokutsho kukaNala, uthi ezi zidlwengu ziye ziqhelise ukubukelisa abantwana iividiyo zamanyala ezithi zikhuthaze abantwana ekubeni babe neminqweno yokuzibandakanya kwezesondo ngaphambi kwexesha.
“Yonke le nto iba nefuthe ekukhuleni kwabantwana, baphele bezibandakanya ekwabelaneni ngesondo besebancinci okanye bathengise ngemizimba,” utshilo.
Maxa wambi abantwana benza uqhagamshelwano ngeselulafoni nabantu abadala nalapho bethunyelwa imifanekiso yamanyala kunye neesayithi apho bangabona amasikizi angakumbi, ze emva koko banikwe needilesi abangaya kuzo ukuze kuqhutywe loo manyala.
UNala uthi abazali kumele baqwalasela izinto ezingena kwiimfonomfono zabantwana babo kuba izidlwengu zithanda ukusebenzisa iminxeba.
Amapolisa athi ukusetyenziswa kobuxhakaxhaka bale mihla kunefuthe ekunikeni izidlwengu ithuba lokuloba abantwana ukuze bawele emgibeni.
“Abazali kumele baqaphele okokhozi nantoni ekwifowuni, khompyutha zabo ukuze baqinisekise ukuba oozungulithuba bayaphanza kwiinzame zokulukuhla abantwana,” utsho uKapteni Sazi Khweba ozinze eGqeberha.
UKhweba uthi abazali mabangoyiki ukuvula iifowuni zabantwana bajonge ooWhatsApp nezinye izinxulumanisi ezikhoyo kuba kulapho ingozi ikhoyo.
Uthi umntwana ofihla imfonomfono yakhe makakrokrelwe ekubeni unezinto azaziyo ukuba azilunganga azenzayo.
Ukusukela ngomhla we29 kuMeyi ukuya kutsho ngowe5 kweyeSilimela , kuza kubanjwa iVeki yoKhuseleko lwaBantwana. Eli phulo likhokelwe lisebe loPhuhliso loLuntu lihambisana namanye amaziko karhulumente edibene noozimelegeqe beenkampani zokhuseleko.
Eli phulo libiza wonke ummi woMzantsi Afrika ukuba athathe inxaxheba ukuze kuqinisekiswe ukhuseleko lwabantwana.
Ukuba ulixhoba lokuxhatshazwa ngokwesini okanye ubundlobongela, okanye wazi omnye olixhoba, nceda ufonele iNkumanda kwinombolo engu 0800428428 okanye uthumele u ‘Please Call Me’ kwinombolo engu *120*7867# okanye iSMS ethi ‘help’ ku 31531. USkype ukhona ukuncedana nabo bangevayo, fakela ‘Helpme GBV’ kumanani oqhagamshelwano lwakho kuSkype.
Ukuba ufuna ukufaka isimangalo, nceda yiya kwiofisi yamapolisa ekufuphi kuwe okanye ufonele le nombolo: 0860010111.
Iingcombolo ezithe vetshe zifumane kuChildline SA ngokufonela 116.