Ukwanda kokuthutyeleziswa kweeselula ngaphakathi kwiintolongo zoMzantsi Afrika kuyaqhubeka.
Iintolongo zoMzantsi Afrika zibe ziindawo zolwaphulomthetho, kwaye ziyanda iingxelo zokuqhwesha entolongweni kunye nolunye ulwaphulomthetho olwenziwayo ngaphakathi kwezi ndawo.
Nakuba kunjalo, xa kufikwa kumba wokuthutyeleziswa kweeselula nezinye izixhobo ze-elektroniki, iingxelo zibonisa ukuba zingaphezu kwama37 000 iiselula ezathinjwa kwiintolongo kwilizwe lonke kunyakamali ka2022/23.
Kwakhona kukwaxelwa ukuba ngamagosa entolongo angama24 kuphela athathelwe amanyathelo oluleko ngendima yawo ekuthutyelezisweni kweeselula kwangelo xesha linye.
Ukusetyenziswa kweeselula kumaziko oluleko akuvumelekanga, nangona kunjalo, amabanjwa afumana indlela yokuthubelezisa iimfonomfono kumaziko oluleko, nengxelo yakutshanje ebonisa ukuba umdlwenguli wakwaFacebook nowabaleka entolongweni, uThabo Bester, wayekwazi ukusebenzisa ilaptop nezinye izinto eziluncedo ngethuba esenza isigwebo sakhe entolongweni.
Ngo2018, kwavakala ukuba amabanjwa ayeqaqadekile kangangokuba ebedla ngokufowunela owayesakuba nguMphathiswa wezoBulungisa noLuleko uMichael Masutha esebenzisa iiselula zawo.
Ukwanda kweziganeko zokuthutyeleziswa kweeselula kutsha nje kudizwe nguMphathiswa wezoBulungisa noLuleko kutsha nje uRonald Lamola xa ephendula imibuzo yasepalamente yelungu le-EFF uMathapelo Siwisa.
USiwisa ubhalele uLamola, eqaphela inani eliphezulu lamabanjwa afumana iiselula kumaziko oluleko.
Uye wabuza malunga nenani lilonke leeselula ezithinjiweyo kunyakamali ka2022/23 kunye namanyathelo akhoyo okuqinisekisa ukuba ukufikelela kwiiselula kuyaqhubeka kuthintelwa.
Ngokutsho kwe-Independent Media, uSiwisa ukwafuna ukwazi ngenani lilonke labagcini bentolongo abachaphazeleka kumatyala alolu hlobo namanyathelo athatyathelwa abo bagcini beentolongo.
Kwimpendulo yakhe ebhaliweyo, uLamola uthe zizonke iiselula ezingama37 243 ziye zathathwa kulo nyakamali uphelileyo.
Iphondo laseGauteng libe nelona nani liphezulu leeselula ezihluthiweyo ngama10 238; iKwaZulu-Natal ibe nama7 628; iNtshona Koloni inama6 161; amaphondo, iLimpopo, eMpumalanga naseMntla Ntshona ayenama5 167; iMpuma Koloni inama4 501; kwaye imimandla yaseFreystata kunye noMntla Koloni inama3 548.