Kwindawo edume ngezixholoxholo zokutshiswa kwemizi kwanokubulawa kwabantu kummandla iMajola eSajonisi, nto leyo yenza bafuduka bayokuhlala ehlathini okwezilwanyana, uthi urhulumente uyiqwalasele nanjengoko uNjengele Bheki Cele edize esidlangalaleni ukuba kuza kutyalwa amajoni kula mmndla ukuzisa uzinzo kwanokugada ezi ziganeko zibuhlungu zenzekayo.
UCele ebethetha ngoMvulo kule veki eSajonisi ekunye noMphathiswa weSebe loThutho noKhuseleko eMpuma Koloni uXolile Nqatha.
Esokugqibela isiganeko esibuhlungu sesabafundi ababini baseMajali Technical High kwilali iSiqhozameni eSajonisi, uLukhanyo Mboza (22) kwakunye noLwakhe Maya (20) abadutyulwe babhubha kwangoko besuka kufunda kwigxamesi labanye abafundi kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.
Le Imbizo ithabathe iintsuku ezimbini iqosheliswe ngoMvulo kule veki. UCele uqinisekise inginginya yabahlali beza ziphaluka ukuba uzinzo luza kubakhona nanjengoko kuza kutyalwa abokhuseleko kuncediswa amapolisa.
"IMajola ayizukubayindwo engazukuhlalwa apho abanikazi bemizi namakhaya abo bephehluzeliswa zizigilamkhuba de babe bancama amakhaya bahlale emahlathini kuba besoyikisela ubomi babo. Oku kuza kubasisiphelo, kungoko sisizisa amajoni namapolisa kuba sifuna uzinzo noluntu lubuyele emakhayeni," utshilo uCele.
Kulo mmandla sele kuyiminyaka zisenzeka ezi zixholoxholo zokubulawa kwanokutshiswa kwemizi. Sele ingaphaya kwama140 imizi etshisiweyo, kwaye bangaphaya kwama23 abantu abasele bebulewe kwiminyaka emithathu edlulileyo, nto leyo yenza uninzi lushiye imizi luyokuhlala ehlathini.
Umhlali obekule mbizo, ethetha noonondaba uthe kudala kusenzeka ezi zixholoxholo kwaye kudala ungenelelo lusenziwa kodwa kungabikho tshintsho, banethemba lokuba xa kuthe kwafika amajoni noko lwakubakhona utshintsho.