Iindaba

Ukufezeka komnqweno kubantwana baseMfezeko

Abongile Ginya|Published

Ekuqaleni nguMfezeko Lubabalo Mkiva weMkiva Founders kwakunye notata wakhe uColbert okwangumsunguli wesi sikolo iMfezeko ngethuba beyokunikezela ngezihlangu kwanempahla yokudlala ibhola yabantwana kwesi sikolo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ekuqaleni nguMfezeko Lubabalo Mkiva weMkiva Founders kwakunye notata wakhe uColbert okwangumsunguli wesi sikolo iMfezeko ngethuba beyokunikezela ngezihlangu kwanempahla yokudlala ibhola yabantwana kwesi sikolo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abazali besikolo samabanga aphantsi iMfezeko Senior Primary eDutywa balele bencumile emva kokuba iintsana zabo zithe zanenyhweba yokuphiwa izihlangu kwakunye nempahla yokudlala ibhola, bephiwa ngoyinzalelwane kule lali nekwathiywa ngaye isikolo uMfezeko Lubabalo Mkiva.

Umsunguli wesi sikolo, uColbert Landela Mkiva nowathiya esi sikolo ngonyana wakhe, nyana lowo uthe wolula isandla kwaba bantwana, uthi abantwana balikamva lesizwe kwaye bekwazizo neenkokheli zangomso. Uthi izakhono zomntwana ziphuhla nangakumbi xa efundiswa esikolweni.

“Ukuze izakhono zaba bantwana ziphuhle kukuba bafundiswe kwaye esikunqwenelayo yintsebenziswano phakathi komfundi, umzali kwakunye notitshala. Sesiqaphele nto kwaba bantwana ngoku sihleli apha, ezi ziinkokheli zethu zangomso kodwa oku kwakuthi ukuze kuphuhle abe kanti umzali unendlela amnonophela ngayo umntwana emva ekhaya, khon’ ukuze umntwana afike ekulungele ukufunda kwanokusenzisana nootitshala ukuze abeyile nto anqwenela ukubayiyo,” utshilo uMkiva.

USibonda wala mmandla uMangalelwa Ngcayechibi ubulele kwabo bathe bolula isandla kwesi sikolo, esithi oku kwakuthi kukhuthaze ezi ntsana zibe nawo nomdla wesikolo.

Inqununu yesi sikolo uZingisa Jwambi uthi iphupha labo eMfezeko lifezekile kuba bebenamaqela ebhola, kunzima ukuba baqhubekeke nokudlala kuba bebengenayo ikiti. Uthi abantwana bebedlala ngeempahla zabo xa kufuneka bedlalile kuba umdlalo ubalulekile kwaye uyinxalenye yokukhula komntwana.

UJwambi uqhube wathi bebenabo nabantwana ababini abangathathi ntweni, nabo abathe bancedakala ngolu suku.

“Ndiyavuya, iminqweno ifezekile ebantwaneni bethu nasesikolweni sethu. Xa beza kudlala benxibe ikiti oku kwakuthi kubanike umdla nangakumbi, bavuyele okwakunxiba impahla abadla ngokuyibona kwiTV kwaye nabo bakuziva bebalulekile kwaye bexabisekile, kanti ngokuya bebedlala ngempahla oko bekungabaniki mdla,” utshilo uJwambi.

UJwambi ubambe ngazo zozibini kwiMkhiva Founders ngenkxaso abayinikeza kwesi sikolo.