Ubanjiwe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) obetyholwa ngokuba ebezama ukuqhatha iNgxowamali yeeNgozi zeNdlela (RAF) ukuze afumane i2,3 yezigidi zeerandi.
Ubanjwe licandelo loPhando lobuQhophololo oluBukhali eMonti ngoLwesibini kwaye kulindeleke ukuba avele okokuqala enkundleni ngoLwesithathu.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks kweli phondo uWarrant Officer Bonnie Nxumalo, ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyeThupha ngo2015, le nkosikazi yayihamba kufutshane nesibhedlele iSt Patrick’s eMbizana nalapho kutyholwa ukuba yawa yaza yonzakala eqatheni nasengqinibeni.
“Kukwanikwa ingxelo yokuba emva koko wasiwa kwisibhedlele iSt Patrick’s nalapho athe wanyangwa wagqithiselwa kwisibhedlele samathambo iBedford Orthopaedic eMthatha ukuze aqhubeke nonyango,” utshilo uNxumalo.
“Ngomhla wesihlanu kuCanzibe ngo2021, umrhanelwa watyelela isikhululo samapolisa saseMbizana apho kutyholwa ukuba wavula isimangalo sokugilwa yimoto yaze yabaleka.”
Le nkosikazi kutyholwa ukuba kamva yafaka ibango kuRAF efuna imali exabisa i2.3 yezigidi zeerandi.
“Ibango liye laqwalaselwa yiRAF nanjengoko amaxwebhu ebephononongwa kwaye ehlalutywa ngumphandi omkhulu weRAF, kuye kwaphawulwa ukungangqinelani kwaze kwanyanzeleka ukuba kuqwalaselwe ngakumbi,” utshilo uNxumalo.
“Kwaye kwafunyaniswa ukuba umrhanelwa akabandakanyekanga kwingozi yemoto kodwa wenzakala xa ehamba. I-RAF ihlawule imali eyiR12 833.73 ukumangalela eli bango.”
UNxumalo uthi lo mba emva koko wagqithiselwa kwicandelo lophando lobuqhophololo obunzulu lweeHawks eMonti ukuze kuphandwe ngolwaphulomthetho.