I
Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni libhengeze iBambela Ntloko elitsha nelingena kwizihlangu zikaMahlubandile Qwase obekade eBambele njengeNtloko kwezeMfundo eMpuma Koloni ukusukela ngo2022 ukuzokutsho kwinyanga ephelileyo.
Obambeleyo omtsha nguGqirha Siyolise Nuku nosele eqalisile umsebenzi wakhe ngomhla wokuqala kule nyanga kweli sebe.
UGqirha Nuku akamtshanga kweli sebe, uza njengengcaphephe kwezemfundo nesele enamava kweli sebe njengoko kukudala engaphakathi kwaye esezikhundleni eziphezulu, ezazi neengxaki zesebe.
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade umamkele ngezandla ezishushu okaNuku. UNuku kulindeleke ukuba abeke phambili iMpuma Koloni ukuze eli sebe lezeMfundo liqhubele phambili.
Ngokwengxelo yesebe leMfundo ithi uNuku ukuvuyele ukuchongwa kwakhe kwanokunikwa kwakhe eli thuba lokujongana neli sebe.
UGade ngethuba esamkela okaNuku ukwabulele inxaxheba nendima ethe yadlawa ngokaQwase kwezeMfundo eMpuma Koloni ngethuba exhuzula imikhala.