Indawo yaseZingqoweni kuWadi 17 phantsi komasipala iEmalahleni, neyindawo ebihlaselwe kakhulu kukubulawa kwabantu abadala nabahlala bodwa emizini yabo, abanye behlala nabazukulwana abaselula ngokweminyaka kule minyaka mibini idlulileyo, ithe yabekelwa bucala imali engangezigidi ezisixhenxe eza kuthi ifakele izibane zangaphandle. Ezi zibane ziza kuthi zikhanyise kule lali ebusuku ukuzama ukunqanda ezo ziganeko zokuhlaselwa koluntu.
USodolophu waseMalahleni uNontombizanele Koni, uthi bafaka isicelo kwiOfisi yeNkulubaphathiswa emva kokubona umbono ombi wokubulawa ngokungenalusini kwabantu kula mmandla. UKoni uthi iziganeko zenzeka ebusuku kwaye bakholelwa ukuba xa kunokubakho ezi zibane ubusuku bonke umahluko ungakhona.
UKoni ebethetha nabahlali kwiveki ephelileyo Ezingqolweni eLady Frere ngethuba beyokwazisa ebahlalini ikontraka eza kuthi imilisele ezi zibane kule lali.
“Kuzokwenziwa izibane ezintandathu kule 7 million, kodwa imali eza kuthi isebenze yiR5,3 million. Loo mali ithe yashiyeka ayizukujika, iza kusebenza ekuhlaleni incede abantu abangoomama njengoko ibingabo amaxhoba kwiziganeko zokubulawa kwabo. Siza kuphinda sibanike ithuba sibuze kwakubo abahlali ekubeni ingenza ntoni na ukuphucula iimeko zamakhosikazi aseZingqolweni. Oku ziinzame zokulwa la ntlekele yayenzeke apha, asifuni kuphinda siyibone isenzeka,” utshilo uKoni.
EZingqolweni phakathi kukaDisemba ka2020 ukuya kuJulayi ka2021 kwabulawa amaxhegwazana namaxhego alishumi elinanye (11) aphakathi kwama88 eminyaka ubudala ukwehla. Amaxhoba kwakusa exhaxhiwe ngemela nangobhushi, amanye iintloko zawo kufikwe zinqunyulwe, kwaye ayebulawa kanye ngeveki yokurhola imali yendodla.
Amapolisa eMpuma Koloni adiza ukubanjwa kwabarhanelwa abathandathu malunga nokuhlaselwa kubulawe amaxhoba. Abarhanelwa basengaphakathi eziseleni.
Isithethi saseMalahlani, uLuthando Nqumkana, uthi ufakelo lwezi zibane luza kuthatha into engangeenyanga ezintandathu kwaye umsebenzi uza kuqala emva kwePasika.
UNqumkana uthi namathuba engqesho aza kuthi adaleke kuluntu lwaseZingqolweni kuquka abanezakhono kwanabo bangenazo izakhono. Uthi abantu ababhinqileyo ngabona bakuthi baxhamle kweli thuba kuba ngabona bachaphazelekayo koku.
Amaxhoba abulawayo nanga, oyena mdala nguMthekana Mpoqane, 88, Nosinothi Sibozo, 81, Nowezile Khuphiso, 81, Nowezile Mbovane, 78, Nondyebo Gingqini, 75, Jongumthetho Dayimani, 71 nowanqunyulwa umqala okwegusha, Nowezile Yawa, 68, Nozaziyedwa Nontyida, 68, Nokhesini Punguphungu owabulawa elele nomzukulwana wakhe owayeneenyanga ezisibhozo ezelwe nekwafikwa ekhala, uMthuthuzeli Mfinyongo, 66, kwakunye noGcobile Fihla, 50.