UKhayakazi Shange waseDininkosi eLibode nozakhela igama kwezoshishino eMthatha, uthi uye aqiniseke ukuba kwindawo athe wamenywa kuyo kushiyeka kukhalwa ngelokhwe yakhe okanye loo mthungo awunxibileyo nangamacici azenzele ngezandla zakhe.
UShange (38) nongumama kwiintsana zakhe ezimbini, uthi nangona efundele izifundo zokupheka eyunivesithi usebenzele iSebe lezeMpilo iminyaka elishumi epheka kodwa ubeke phantsi esebeni wabe etshutshiswa luthando lomthungo.
Eli nenekazi lizifundisile ukuthunga kwaye lithi uthando lokuthunga luqale kumzala wakhe besakhula nowayenomatshini wokuthunga, wamana embukela xa ethunga. Uthi nasemzini ubenethamsanqa wafikela kumamazala othungayo nowayengadinwa emana ukumbonisa xa ethunga.
Uqhube wathi kwimpahla ebeye azithungele kuba ezivavanya, ebesothuka xa abantu bemncoma abanye de bafune ukwenzelwa, nto leyo athi yaye yampha amandla nangakumbi ekulandeleni eli khono.
“Ndiyayithanda ifashoni, ndiyayithanda impahla ingakumbi ethungiweyo, andikwazi ukudlula xa ndibona iimpahla ezithungiweyo. Le yinto endenze ndibe ndikule ndawo ndikuyo namhlanje. Namacici ndiyazenzela ngokwam ndiwathengise kwaye ngawona ahambayo kuba ndiwenza ngomohluko, awafani nalawo aqhelekileyo. Ukuba ndiya kwitheko ndinxiba into endizithungele yona enomohluko kwezinye, nendiye ndibuye ndinee-odolo zabantu abafuna ndibathungele.
“Oku kuyandonwabisa kwaye kuyandiphilisa kuba kukufezeka kwephupho lam nangona ke ndingekabinandawo iyeyam kwaye ndingekafikeleli nakule ndawo ndinqwenela ukufikelela kuyo. Ndikwafuna nokukhula ndifundise abantu ndizokwazi nokudala amathuba engqesho kwabanye,” utshilo uShange.
Uthi umnqweno wakhe kukubanendawo eyeyakhe edolophini ebonisa ngempahla yakhe esele ilungile. Ngoku usazithungela kwakhe endlini iiodolo zabantu.
UShange uthi wacela indawo kumasipala yokuba amane exhoma phandle ngeempelaveki iilokhwe namacici.
Uthi imingeni asajongene nayo kweli shishini lakhe kukunqongophala kwezixhobo ezifana namalaphu angafumanekiyo eMthatha nekufuneka ewathenge ngaphandle.
Uqhuba uthi nangona umsebenzi wakhe wezandla umhle unconywa kodwa uyafuna ukuqhubekeka nokufunda njengoko esafuna ukwazi banzi okanye afumane isiqinisekiso esivunyiweyo seshishini eli.
UShange sele ekhe wazivavanya nakwishishini lokupheka nanjengoko efundele ukupheka kodwa zange liphumelele ekucaca ukuba ubizo lwakhe lusekuthungeni.
Uthi ubulela inkxaso ayifumana kuluntu lwaseMthatha. Uthi okunye awakuqaphelayo kukuba bayayithanda ifashoni abantu kwaye nento eyohlukileyo.
Uthi izinto ezintle nathi zinkulu ezenzeke kuye kukuthungela usapho lwakhe iilokhwe zomtshato ngethuba kwakukho umtshato kokwabo ngeyoMsintsi ka2021 esaqala ukuthunga. Okunye yaba kukuthunga iyunifom yenkonzo yakhe iPostolo, nathi oku kuko okwamenza wazithemba ngokubona ethenjwa naye ngomsebenzi wakhe.
Xa unomdla ungazibonela iimpahla zakhe kuFacebook, ukhangele iKhaya Creation, eyamacici ukhangele uEma-k Creations.