Ugwetywe iminyaka esibhozo engaphakathi ejele uFumanekile Gaba (43) egwetywa yiNkundla yamaTyala aKhethekileyo eMthatha, emva kokufunyanwa yile nkundla enetyala lobuqhophololo nelokurhwaphiliza imali efikileyo kwiR110 000.
Ingxelo ithi uGaba ebenguManejala weziThuthi kwaSAPS kwicandelo leCriminal Record Centre eMthatha, nalapho ebesebenzisa ikhadi lepetroli leemoto ezingasasebenziyo.
Oku ukwenze phakathi kuka2019 no2020. Khange aphelele ukuzethela kweyakhe imoto kuphela, ebeye eli khadi alisebenzise ngokuthi ethele abanye abantu ze bona babhatale imali eziinkozo kuye. Ngokwengxelo ephuma kwiNPA, ikhadi eli belisebenza kuphela kwigaraji eseQunu kude kufuphi naseMthatha.
ULuxolo Tyali othethela iNPA uthi uGaba ubhaqwe emva kokuba abapicothizincwadi kweli ziko lakwaSAPS baqaphele ukuba ikhadi lisasebenza nangona zona iimoto zayeka ngopewule ukusebenza.
Ngethuba kuqhuba ityala uGaba wathi akanalo ityala. Kodwa ekuqhubeni kwetyala uye watshintsha wavuma ukuba ityala unalo.
UMtshutshisi oMkhulu, uMthuthuzeli Rangula, ubeke ubungqina bomnye obexhamla kweli khadi ebhatala kuGaba noye wajika waba lingqina lombuso. UTyali uthi nevidiyo yasegaraji ebibonisa uGaba emana uyokwetha iye yabubungqina enkundleni.
OnguMlawuli kwaNPA eMpuma Koloni uBarry Madolo, uncome intsebenziswano kwanomsebenzi wokugwetywa kowonileyo.