Iindaba

Kuphandwa ukuziphatha kakubi kootitshala ngokwesondo

Staff Reporter|Published

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni linqumamise ootitshala ngokuziphatha kakubi ngokwesondo

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni linqumamise ootitshala ngokuziphatha kakubi ngokwesondo

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni linqumamise emsebenzini ootishala abathathu besithili saseAlfred Nzo eMpuma ngezityholo zokuziphatha kakubi ngokwesondo.

Oku kuza emva kokuba olunye ushicilelo lunike ingxelo yokuba omnye wabafundi wacheba inkqayi ukuze azenze mbi komnye wootitshala ababemncwasile.

Kuthiwa omnye umfundi ukhalazele ukuba omnye wootitshala wambamba amazantsi esikolweni emohlwaya ngokungavumi ukumtyelela ekhayeni lakhe.

NgoMvulo, isithethi sesebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthe aba titshala banqunyanyisiwe emva kophando lokuqala.

UMtima uthe ootitshala baphuma kwisikolo esinye, nangona kunjalo amagama abo akanakuchazwa ukukhusela iinkcukacha zabafundi.

“Ababini kwaba titshala banikwe iincwadi zokunqunyanyiswa ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoKwindla 2023, logama owesithathu wayinikwa ngentseni yangoMvulo incwadi yokunqunyanyiswa ngenxa yokungafumaneki xa abanye befumana iileta zabo,” utshilo uMtima.

“Iqela elinika inkxaso ngokwasengqondweni liye laqalisa ukunika iingcebiso nokuthuthuzela aba bafundi kwiveki ephelileyo njengoko omnye wabo wayeka isikolo efuna ukuzibulala.”

UMtima uthe iiofisi zephondo nezithili ziyibeke esweni le meko kwaye zinika inkxaso efunekayo ukunqanda ukuphulukana nobomi babantu ngenxa yesi sehlo, kwaye isebe liza kuqhuba nophando.