Wezeka Velani, 65, okhangelwayo emva kokunyamalala kwakhe kwinyanga ephelileyo. UMFANEKISO: SAPS
Yiveki yesithathu le luxhalabile usapho lakwaVelani, emva kokunyamalala komama ogama linguWezeka Velani (65), nowagqityelwa ngomhla wama27 kwinyanga ephelileyo engakwindawo yokukhwela iimoto kwilali yasePrudhoe eNgqushwa.
Ngokwengxelo kaCaptain Siphokazi Mawisa, uVelani ngumntu ophazamisekileyo ngokwasengqondweni. Wagqityelwa ngezithuba zentsimbi yesibhozo kusasa kuba engazange aphinde abonwe.
Amapolisa abongoza nabani na onokubanolwazi malunga nalo mama ekubeni eze ngaphambili nolo lwazi ukuze afumaneke.
Ngethuba enyamalala wayenxibe ibhlukhwe emfutshane emhlophe kwakunye nehempe enemikhono emifutshane.
Onolwazi angatsalela uWarrant Officer Dumisa Siqoko ku: 079 562 4756 okanye isikhululo samapolisa aseMoyeni eNgqushwa ku: 040 676 1088.