AMALUNGU amahlanu osapho adutyulwe abhubha kwilali yakuLuphondo, eThahla eLusikisiki.
Oku kuvakala ukuba kwenzeke ekuzeni kusa izolo, ngoMvulo.
Amapolisa ave ngoku ngabahlali abeve izithonga zezulu lezandla.
Ekufikeni kwamapolisa kwindawo yesiganeko, afumene la malungu mahlanu osapho aphakathi kwesithoba (9) nama78 eminyaka ubudala, enamanxeba eembumbulu. Achazwe njengabhubhileyo kwindawo leyo yesehlo.
"Abantwana ababini, okunyaka (1) ezelwe nokwiminyaka esibhozo (8) basindile kolu dubulo. Unobangela wesi senzo awukaziwa okwangoku. Amaxhoba ngawosapho olunye, kwaye amagama abo asabanjiwe de abe ayafaniswa," kutsho uBrigadier Tembinkosi Kinana onguMlomo wamaPolisa.
Amapolisa avule amatyala amahlanu okubulala.
OliBambela Mkomishinala wePhondo, uZithulele Dladla, umilisele iiyure ezingama72 zokubamba abarhanelwa.
Onolwazi ngesi sihelegu uyacelwa ukuba aqhagamshelane namapolisa akufutshane naye kungenjalo atsalele uCrime Stop ku: 08600 10111.
Related Topics: