Iindaba

Ubhubhe ecela uxolo ofele ibhotile yotywala

Abongile Ginya|Published

Zolani Ntoyana (23) obethwe wabhubha ngamantombazana amathathu kwisimokolo esiseSite C. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Zolani Ntoyana (23) obethwe wabhubha ngamantombazana amathathu kwisimokolo esiseSite C. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UZukiswa Ntoyana, 49, nongumama kaZolani, 23, obhubhe kabuhlungu emva kokuxulutywa ngamatye entloko, ehlatywa esiswini kuba echithe ibhotile yotywala ngempazamo, ngamantombazana amathathu aphakathi kweshumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini ubudala kwiveki ephelileyo, uthi ilihlwili intliziyo yakhe kwaye akakwazi nokwamkela kuba uzibuza umbuzo wokuba wenzeni njengoko kungekokokuqala ebulawelwa umntwana.

Uthi ngo2018 waxhaxhelwa unyana wakhe wokuqala aza emva kwakhe uZolani ngaseWaterfront eKapa. Uthi kwafika sele kusithiwa makazokufanisa njengokuba nakwiveki ephelileyo wothuke xa ebizwa kusithiwa makazokufanisa, kanti ngenene nguZolani wakhe.

“Yhini! Ndenzeni kuThixo? Uhlobo endibakhulise nzima ngalo aba bantwana, xa beza kuvela bamuncuke kanje! Xa ndiqala ukuncuma, ndisithi ndiyaqala ukubanabancedisi! Bathathu abantwana bam, ngoonyana ababini nentombi le ishiyekileyo ngoku. Ndibakhulisa nzima ndindodwa, ukuqala isikolo nokubelusa ndindodwa. Nobhuti wakhe ubulewe xa eneminyaka eyi23 njengokuba noZolani ebulewe ena23 nje,” utshilo uZuki ongumama kaZolani.

Uthi umntwana wakhe kuthwa ubhubhe ecela uxolo kwaba bantwana xa ebona ukuba bayambulala. UZolani ubethelwe ngaphandle kwesimokolo eso bebeselela kuso eSite C.

NgoLwesibini kule veki ufikile umzimba kaZolani eMpuma Koloni. NgoMgqibelo iza kubayinkonzo yakhe yomngcwabo kwilokishi iMarobastart eIndwe.

Inkokheli yabahlali eSite C eKhayelitsha, eKapa, apho abulawelwe khona uZolani, uMabhuti Siko, uthi ngeCawe ibiyinkonzo yesikhumbuzo kaZolani.

USiko uthi nabo basothukile kukubulawa kukaZolani ngabantu ababhinqileyo. Uthi iGBV yinto esoloko ejongwe kwicala elinye, nabo bothukile xa ingabantwana abancinci kangaka abenze oku. Embi yeyokuba bambethela utywala abuchithe ngempazamo.

Omnye umrhanelwa (17) uvelile ngoLwesibini kule veki kwinkundla yamatyala eKhayelitsha, ingxelo ithi ababini bafihliwe ngabazali babo abaziwa apho bakhoyo, kwaye abazisi emapoliseni.

Omnye wabarhanelwa kwaba bathathu ubhale kuFacebook wakhe ecela uxolo, esithi naye akazi ukuba kwenzekeni ukuze babulale ixhoba.