Umthengi eqwalasela amaxabiso.
Ukuba ngaba imali ibisenza umhlaba ujikeleze, hayi ke loo nto ithetha ukuba ubomi ngebume ngxi ixesha elingangeminyaka emibini, ngenxa yokubancinci kakhulu okanye ukungabikho kwaphela kwemali ejikelezileyo.
Kwimihla yamandulo iintsapho zaziphila ngokuthenga ngezixa ezinkulu, kodwa kule mihla abantu bayafumba, nto leyo ethetha ukuba xa imveliso ebalulekileyo ithengiswa ngesaphulelo, bayithenga ngobuninzi kangangoko. Kuyimfuneko ukwenza oku? Ekuhambeni kwexesha ukuthenga ngokuqokelela kunciphisa inkcitho yakho yenyanga kwizinto zasendlini, loo nto yenza ukuba wonge nemali. Umzekelo, ukuba ngaba qho ngenyanga uye uthenge ipakethana yokuzixubela yesithambisimpahla ngeR30, ze ngenyanga ethile sibe kwixabiso elinesaphulelo leR20, wena ke uzithenge zibe li12, ithi ke loo nto wena wonga iR120 kwiinyanga ezili-12. Phinda ke ngoku wenze oku ke nakwezinye izinto ezininzi kuluhlu lwakho lwegrosari, ujonge inkcitho yakho yenyanga incipha.
Zeziphi izinto onokuzithenga ngokuqokelela? Nantoni na ehlala ekhabhathini ixesha elide ingaboli, njengezinto zokucoca kunye nokutya okusezitotini nokomileyo. Into ebalulekileyo okufuneka uyikhumbule, kukuthengela izinto eziyimfuneko usapho lwakho kwaye ibe zizinto enizisebenzisa rhoqo. Musa ukuthenga nje kuba unemali okanye kuba nje into ethile inesaphulelo.
Uqalisa njani ukuthenga ngokuqokelela? Ukuthenga ngokuqokelela kuyinkqubo; kuthatha ixesha kunye nomonde. Akunakwenzeka ukuba ufumane yonke into ngexesha elinye, ngoko ke funda ukuthenga oko ukwaziyo ukukuthenga, kwaye uzifundise ukuyishiya into xa ixabiso lesaphulelo lingenanzuzo itheni.
Wazi njani ukuba ufumana isaphulelo esihle? Kufuneka wazi amaxabiso akho ukuze ukwazi ukubona isaphulelo esihle. Oku kuthetha ukuba xa uhambahamba phakathi kweepaseji zokuthenga, kufuneka ujonge amaxabiso kwaye uyikhumbule into oyibonayo. onokuzithenga ngokuqokelela? Nantoni na ehlala ekhabhathini ixesha elide ingaboli, njengezinto zokucoca kunye nokutya okusezitotini nokomileyo. Into ebalulekileyo okufuneka uyikhumbule, kukuthenga izinto eziyimfuneko kusapho lwakho kwaye ibe zizinto enizisebenzisa rhoqo. Musa ukuthenga nje kuba unemali okanye kuba nje into ethile inesaphulelo.
Uqalisa njani ukuthenga ngokuqokelela?
Ukuthenga ngokuqokelela kuyinkqubo; kuthatha ixesha kunye nomonde. Akunakwenzeka ukuba ufumane yonke into ngexesha elinye, ngoko ke funda ukuthenga oko ukwaziyo ukukuthenga, kwaye uzifundise ukuyishiya into xa ixabiso lesaphulelo lingenanzuzo itheni. Wazi njani ukuba ufumana isaphulelo esihle? Kufuneka wazi amaxabiso akho ukuze ukwazi ukubona isaphulelo esihle. Oku kuthetha ukuba xa uhambahamba phakathi kweepaseji zokuthenga, kufuneka ujonge amaxabiso kwaye uyikhumbule into oyibonayo.
Ungasebenzisa iselula yakho uthelekise amaxabiso ukuba ngaba ucinga ukuba ufumene isaphulelo esihle. Zeziphi ezinye iimpazamo ezenziwa ngabantu abathenga ngokuqokelela?
● Ukuthenga izinto abangazisebenzisiyo.
● Ukungasebenzisi umthetho othi into efike kuqala yiyo ephuma kuqala. Ngamanye amazwi, beka iimveliso ezintsha emva kweemveliso ezindala xa upakisha izinto ozithengileyo.
Uyibalekela njani inkcitho? Bandakanya usapho lwakho lube yinxalenye ekuthengeni ngokuqokelela ukuze bayazi ukuba kutheni usenza oku.
Kukwabalulekile nokuba ulandelele isitokhwe sakho, loo nto iza kukunceda kuba usapho lwakho luza kukwazi ukuba uyayazi into ekhoyo nengekhoyo, lo nto ke ibenze bazisebenzise kakuhle izinto onokuzithenga ngokuqokelela?