Iindaba

ISebe licela uncedo emva kokubhubha kwabakhwetha abahlanu

Staff Reporter|Published

Abakhwetha abahlanu esele bebhubhile kweli xesha lolwaluko lasehlotyeni ukuza kuthi ga ngoku.

Abakhwetha abahlanu esele bebhubhile kweli xesha lolwaluko lasehlotyeni ukuza kuthi ga ngoku.

Isebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (Cogta) limemelele ukuba kungenelele uluntu lwasekuhlaleni namapolisa kulandela ukubhubha kwabakhwetha abahlanu kwisizini yolwaluko lwalo nyaka.

Kuvakala ukuba bahlanu abakhwetha abathe babhubha eMpuma Koloni ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lwasehlotyeni.

Omnye wabakhwetha kukholelwa ukuba ubhubhile emva kokuba abazali bakhe bengahoyanga ukugula okufunyenwe ngexesha lokuvavanywa kwangaphambili.

NgokweCogta abanye abane kuthiwa basweleke ngenxa yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni kunye neengxaki ezinxulumene nokubaphantsi kweminyaka esemthethweni.

Ethetha neNewzroom Africa, isithethi sakwaCogta eMpuma Koloni, uPheello Oliphant, uthe bamemelele amapolisa ukuba ancedise ekubambeni izikolo zolwaluko ezingekho mthethweni.

“Liphezulu izinga lokungakhathali kwicala labazali, kwaye oku kuyinkxalabo enkulu kuluntu lwaseMpuma Koloni.

“Sicela amapolisa ancedise ekubambeni abo bolusa amakhwenkwe aselula ngokungekho mthethweni.

“Lo ngumba oxhalabisayo kuMphathiswa weCogta noluntu lwaseMpuma Koloni ngokubanzi kwaye into eyenzekayo kukuba siqhuba amaphulo nokwazisa uluntu kulo lonke eli phondo. Uluntu lumema isebe ukuba lisincede ukunqanda ezi ngxaki sijongene nazo ngoku,” utshilo uOliphant.

Uthe umba obalulekileyo obandakanya inkqubo yolwaluko kukuba abazali mabathathe inxaxheba ekujongeni impilo entle nokhuseleko lwabantwana.

“Umzekelo, umba wabakhwetha abathe babhubha ngenxa yezigulo ezithe zabhaqwa ngexesha lovavanyo bengahoywanga ngabazali, ngabazali ababemadolw’ anzima ukusa abantwana babo kwisikolo sokwaluka. Kodwa baye bacetyiswa ngabantu abathile ekuhlaleni abafuna ukwenza imali ngale nkqubo; ngelishwa, ikhokelele ekubhubheni komkhwetha,” wongeze watsho uOliphant.

UOliphant uphinde wagxeka uluntu ngokusilela ukuyiphatha ngendlela evuthiweyo le nkqubo.

Ubanga ngelithi abantwana abancinci baya kwizikolo zokwaluka ngenkani ngenxa yengcinezelo yoontanga ekuhlaleni nakwiintsapho zamakhwenkwe.

“Ngenxa yoxinzelelo loontanga, amanye ala makhwenkwe aselula aphetha esiya kwizikolo zokwaluka ezingekho mthethweni engekafiki kwiminyaka eyiyo. Ubudala obusemthethweni yiminyaka elishumi elinesibhozo (18) ukuze bavunyelwe ukuba baye kwisikolo sokwaluka,” utshilo.

ISebe licela uncedo emva kokubhubha kwabakhwetha abahlanu