Iindaba

Iminyaka eyi40 yeMBLA

Abongile Ginya|Published

IMercedes- Benz Learning Academy ibhiyozele iminyaka engamashumi amane oko yasungulwa. Lo msitho ubusingathwe ngamagosa karhulumente aquka iNkulubaphathiswa yePhondo uOscar Mabuyane kunye noXola Pakati onguSodolophu weSixeko iBuffalo City Metropolitan Municipality eMonti. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Iziko lezoqeqesho lakwaMercedes-Benz, iMercedes Benz Learning Academy (MBLA), libhiyozele iminyaka engamashumi amane (40) oko lathi lasungulwa eMonti.

IMercedes- Benz Learning Academy ibhiyozele iminyaka engamashumi amane oko yasungulwa. Lo msitho ubusingathwe ngamagosa karhulumente aquka iNkulubaphathiswa yePhondo uOscar Mabuyane kunye noXola Pakati onguSodolophu weSixeko iBuffalo City Metropolitan Municipality eMonti. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Le mibhiyozo ibibanjelwe kwisiza sophuhliso lwezoshishino elaziwa ngokuba yiEast London Development Zone (EL-IDZ) eWest Bank eMonti ngoLwesibini kule veki. Eyona nto ibe phambili kwaye iye yagxininiswa zizithethi ibe kukuba eli ziko libe nentsebenziswano emandla neekholeji (TVET) zeli loMzantsi Afrika ukuqinisekisa ekuphuhliseni nangakumbi izakhono.

Oyingqonyela yakwaEL-IDZ, uSimphiwe Kondlo, uthi ukholelwa ukuba le nkqubelaphambili ayisilolifa lakwakaMercedes-Benz kuphela, lelayo nayiphi na indawo evelisa izixhobo zokwakha imoto.

“Sifuna ukubona nangakumbi ukukhula apha kwaye nentsebenziswano neeTVET kwenzele sizokubona utshintshiselwano ngezixhobo, hayi ngezakhono kuphela,” utshilo uKondlo.

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, obeyinxalenye nale mibhiyozo, uthi bakuqhwabela izandla okwenziwa yiMBLA ngokuthi gqolo ivelisa ezi zakhono zophuhliso. Uthi ngethuba kusenziwa uhlahlo lwabiwomali kulo nyaka, urhulumente weMpuma Koloni ukhuphe imali eIDZ ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba uphuhliso lwezakhono luyaqhubekeka.

I-EL IDZ yenye yeendawo ezincedisa ekukhuliseni uqoqosho lweMpuma Koloni.