Iindaba

Lukhuselekile usana oluzalelwe phantsi kwebhulorho

Abongile Ginya|Published

Lukhuselekile, lufudumele kwaye lusempilweni usana oluyinkwenkwe oluthe lazalelwa ngunina walo phantsi kwebhulorho eNorth End eGqeberha.

Emva kwemini ngeCawa ebibanda, inemvula, kubhaqwe owasetyhini eyedwa, ezibelekela phantsi kwebhulorho yindoda ibizihambela. Ndoda leyo iye yabiza amapolisa ebezipatrolela kula mmandla.

Ngokwengxelo ephuma kuCol Priscilla Naidu, amapolisa aseMount Road emva kwentsimbi yesibini emini ngeCawa, afike le nkosikazi ngenene sele iqhuba phantsi kwebhulorho izibhijele ngengubo.

UNaidu uthi usana olubunzima luyi-2.6 kg belusele lungaphandle kodwa yona inkaba isabhijeleke entanyeni yosana.

Kubizwe iambulensi nekhawuleze yafika, wancedakala umama kwakunye nosana lwakhe.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uVuyisile Ncata, uqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa aseMount Road.