Inkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ekunye nabaphathiswa okuquka uZolile Williams, Bukiwe Fanta kunye noNtombovuyo Nkopane. Umfanekiso nguBHEKI RADEBE
Utshintsho olwenziwe ngoLwesibini kule veki yiNkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane, uthi lujolise ekuqinisweni kwendlela yokusebenza eburhulumenteni kwanokuzama ukuqinisa apho kuwokowoko khona.
UMabuyane uthi kodwa kunjalo umzamo omhle uzanyiwe liphondo nangona nje ugqatso lingekazulifeza.
Uthi kwezi nguqu zenziweyo, okona kubalulekileyo kukuba iinkonzo ziye kwaye zifikelele eluntwini.
Abakhonjwe umnyango nguWeziwe Tikana-Gxotiwe obe nguMphathiswa wezoThutho noKhuseleko kwakunye nobe nguMphathiswa wezoBugcisa, iMidlalo kwakunye neNkcubeko uFezeka Nkomonye.
UBabalo Madikizela ngomnye wabaphumileyo kwisigqeba sephondo. UMadikizela urhoxe kwisihlalo sakhe njengoMphathiswa weMisebenzi yoLuntu neZiseko emva kokungaphumeleli isihlalo ebesigacele sokuba ngusihlalo kwinkomfa ebibanjwe kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo eMonti.
UTSHINTSHO OLUTSHA LUME KANJE:
UXolile Nqata usukile kwisebe ebekade ekulo leNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli (COGTA) , ngoku ungene kwelezoThutho noKhuseleko.
UNonceba Kontsiwe ungene kwisebe lezoBugcisa, uLonwabo kwakunye nezeMidlalo esuswa kwisebe lokuHlaliswa koLuntu
USiphokazi Mani-Lusithi ungene kwelokuHlaliswa koLuntu esuswa kwiSebe loPhuhliso loLuntu.
ABATSHA KRACA:
UZolile Williams nguMphathiswa kaCOGTA.
UBukiwe Fanta nguMphathiswa woPhuhliso loLuntu.
UNtombovuyo Nkopane nguMphathiswa weMisebenzi yoLuntu neziSeko.
UMabuyane ubulele igalelo laba baphathiswa bathathu baphumileyo, esithi ubanqwenelela okuhle, ekwamkela abo batsha bafungisiweyo ngoLwesibini.