Iindaba

UMphathiswa: ‘Musani ukutebhisa imaski’

Sithandiwe Velaphi|Published

Nomakhosazana Meth UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

IMIQATHANGO yokuzikhusela kwiCovid-19 iselubala, kodwa abanye abantu bayayityeshela.

Oku kwenzeka nangona nje abantu baxelelwa ukuba ukuthibazeka kwale ntsholongwane kuxhomekeke kwindlela abaziphatha ngayo.

Oku kuthethwe nguNomakhosazana Meth onguMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, ngethuba lenkomfa noonondaba eMonti kule veki.

“Boonondaba, sikwisithuba esingaphaya konyaka siphila neCovid-19, into ethetha ukuba wonke ubani kufanele ukuba uyayazi ukuba kufuneka sinxibe izifonyo xa siphuma emakhaya, sihlambe izandla ngamanzi nesepha imizuzwana engamashumi amabini okanye sisebenzise isanithayiza,” kutsho uMeth.

Nomakhosazana Meth UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

Kodwa sisabona abanye abantu nanamhla oku, bengazimiselanga ukuzenza ezi zinto zokhuseleko, utshilo uMeth.

“Omnye ufike etebhise imaski, eyibeke ezantsi kwempumlo. Noko bantu bakuthi kudala kusithiwa gquma umlomo nempumlo ngemaski,” utshilo uMeth.

UMeth ubongoze abantu ukuba bahlale okungathi ilizwe likwiBakala lesiHlanu (Alert Level 5) lokuvalwa kweentshukumo elizweni.

UMeth uthi iphondo lijolise ekugonyeni abantu abakwizigidi ezine nesiqingatha (4.5 million) phambi kwenyanga yoKwindla 2022, ukuze kubekho ingqiniseko ngokukhuseleka kwabantu kwesi sifo.

UMphathiswa uNomakhosazana Meth neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

“Sinabantu abangaphaya kwekhulu eMpuma Koloni ababhalisele ugonyo. Siyayibulela ke le nto kuba zininzi izinto ezithethwayo ngolu gonyo ezibangela ukuba abantu bangakhuthazeki.

“Siyaqhuba nenkqubo yethu yokusa ugonyo ebantwini ngokusebenzisa iindawo zokurhola indodla. Siyabacela abantu ukuba beze kumaziko wethu bazokugonya ukuze nokuba bosulelwe yiCovid-19, banciphise amathuba okuya esibhedlele.”

Iphondo laseMpuma Koloni liphakathi kuMsinga weSithathu wolosuleleko ophehlwa yintlalubela iDelta eqinisekisiweyo eNelson Mandela Bay naseSarah Baartman.

“Ukuba kukho umntu oswelekele ekhayeni, sicela uluntu lwethu ukuba lazise isebe okanye ooceba neenkosi ukuze kwenziwe uqhaqhomzimba, kuzokwaziwa ukuba yintoni unobangela wokusweleka,” utshilo uMeth.