Iindaba

UMthethwa uthi umthetho walandelwa ngeGqeberha

Sithandiwe Velaphi|Published

USodolophu uNqaba Bhanga ekunye noMphathiswa uFezeka Nkomonye (osekunene kukaBhanga) UMFANEKISO: FACEBOOK/ NMBM

NOXA nje uMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uNathi Mthethwa, evakalise ukuba iGqeberha iza kuhlala iyiGqeberha emva kokuba ekhabe iziphakamiso zabantu abathile baseNelson Mandela Bay, kodwa uSodolophu wesi sixeko, uNqaba Bhanga, akazimiselanga kugoba uphondo.

UMthethwa ubhengeze ukuba iGqeberha iza kuhlala iyiGqeberha emva kokutshintshwa kwayo kwigama elithi Port Elizabeth.

Isebe likaMthethwa lithi lifumene imityikityo echasa uGqeberha kubahlali abangama-12 402 baseNelson Mandela Bay, nebiphuma kwiOfisi kaBhanga. Isebe likwathe lifumene ii-imeyili ezingama-690 ebezichasa ukutshintshwa kwamagama aseMpuma Koloni.

“Oku kuchasa bekusukela kumabango okuba lalilifinyeziwe ithuba lokuthethana noluntu, amagama athile akazange anakwe, ukutshintshwa kwamagama kuza kubalekisa abakhenkethi okanye imali echithwa ekutshintsheni amagama bekufanele ukuba ichithwa ekuseni iinkonzo eluntwini,” itshilo imbalelwano yesebe.

Emva kwezi ziphakamiso, uMthethwa wacela iBhunga laMagama eeNdawo loMzantsi Afrika (SA Geographical Names Council) ukuba liqwalasele ezi ziphakamiso, ze emva koko limcebise.

Eli Bhunga linikeze ubungqina bokuba uthethwano noluntu malunga nokutshintshwa kwamagama lenziwa phambi kokuba iKomiti yaMagama eeNdawo yaseMpuma Koloni ithumele iziphakamiso zoluntu kwiBhunga likazwelonke. Eli Bhunga likwaxelele uMthethwa ukuba yonke imithetho emalunga nokutshintshwa kwamagama kweli, yaselwa iliso.

“Emva kokuba efumene ingcebiso kwiBhunga (SA Geographical Names Council) kwaye ethe waqwalasela iziphakamiso zokuchasa, uMphathiswa ugqibe kwelokuba zonke iziphakamiso azinasihlahla kwisigqibo esithatyathwa ngokugunyaziswa kwigazethe yomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMdumba 2021. Yiyo lo nto zonke iziphakamiso ezichasayo zikhatywa,” itshilo ingxelo yesebe.

USodolophu uNqaba Bhanga ekunye noMphathiswa uFezeka Nkomonye (osekunene kukaBhanga) UMFANEKISO: FACEBOOK/ NMBM

Kodwa uBhanga uthi lo mbandela abazukuwuyeka. “Ukuqalwa kwale nkqubo yokutshintshwa kwamagama yayingabantu abangama-393 kuphela abathabatha inxaxheba, kodwa kwiziphakamiso zokuchasa kuthabathe inxaxheba abantu abangama-65 000,” utshilo uBhanga.

UBhanga uthi baza kujonga inyathelo elilandelayo kuquka nokujonga kwiziphumo zesigwebo senkundla, esingaphuma nanini, malunga nombandela wokuphikiswa kwegama elithi Makhanda.

Kusenjalo, uMphathiswa wephondo kwisebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko, uFezeka Nkomonye, ubhengeze ikomiti entsha yokutshintshwa kwamagama eendawo ephondweni (Eastern Cape Provincial Geographical Names Committee).

Amagama wamalungu ale komiti, nesikelwe iminyaka emithathu, nguZukile Jodwana (usihlalo); Samkelo Janda (uSodolophu waseMbhashe obefudula engusihlalo); Christian Martin; Lukhanyo Sigonyela; Ludwe Ndolose; Ntandazo Giwu; Nkosi Buyanda Gwazinamba Matanzima kwanoAyanda Nkunzi.

UNkomonye uthe: “Oku ayikokutshintsha nje amagama, kodwa kuthetha ngqo malunga nobuni bethu njengesizwe. Sinoxanduva lokwakha ubuni ngokuhlanganyeleneyo, obuqinisa inkcubeko, ulwimi kwanokuqapheleka kwabantu bomgquba beli lizwe. Akufunekanga siwubethe ngoyaba umbandela wokulungisa ubugwenxa obenziwe kumaxesha adlulileyo.”