U
UNYAKA ophelileyo usibonise iintlantsi ngokuphazamisa inkqubo yokufunda ezikolweni njengoko ubhubhane wekhorona ubudlikidla phantse zonke iinkalo zobomi.
Kubekho ixesha apho izikolo zivalwe ixesha elide ngelithi kunqandwa ukwesuleleka yile ntsholongwane, oko kwenze ukuba izikolo zitshintshe iindlela zazo zenze amacebo amatsha ukuleqa umsebenzi wonyaka.
Bekukho uloyiko lokhuseleko lwabafundi nootitshala njengoko kwezinye izikolo ikhorona ibonakale iveza ulwamvila lwayo.
Kule veki ngoMvulo, izikolo zikarhulumente ziye zavulwa, kodwa lusekhona uvalo njengokuba ukwanda kwentsholongwane yekhorona kuthande ukungalawuleki.
Uloyiko lukhulu, yiyo lo nto iSebe leMfundo liqinisekise uluntu ukuba izikolo zamabanga aphantsi naphakathi zikulungele ukuqala umsebenzi ka2021.
Siyathemba ukuba eneneni zonke izikolo zikulungele ukuvulwa zilandela imiqathango yokunqanda ukunwenwa kwekhorona.
Zonke izikolo kumele zibe nezibulali-ntsholongwane, abafundi, ootishala nabo bonke abasebenzi besikolo kumele bahlolwe ukuba abanazo kusini na iimpawu ezibonisa ukuba ngamnye kubo usempilweni.
Kumele zonke izikolo ziqinisekise ukuba emagumbini okufundela abafundi bayabhekelelana kwaye baqheliswe ukucoca izandla zabo maxa onke.
Kubaluleke kakhulu ukulandela imigomo yokunqanda ukunwenwa kwalo bhubhane wekhorona kwiindawo zonke.
Siyathemba ukuba lo nyaka awasayi kunyuka amanani okosuleleka ezikolweni, kwaye sikwathemba nokuba akusayi kubakho kuphazamiseka kungako okufana noko sikubone nyakenye, apho abantwana bechithe iinyanga ezintlanu behleli emakhaya.
Sivuyisana ’noomuntuza’ abaqale isikolo ngoMvulo bethatha uhambo olutsha ezimpilweni zabo, sithi huntshu!
Sazi kakuhle ukuba bangene ngexesha elinzima elingaqhelekanga , kodwa siyathemba ukuba olu hambo lwabo luyakuvula imiqondo yabo luze lubakhulise.
Sinqwenelela abafundi, ootitshala nabasebenzi ezikolweni unyaka omhle noyimpumelelo!