Ingaba ilali ziza?//
Ezinye zeenkokheli zaseMpuma Koloni zithi ukunqunyanyiswa kokusasazwa kwezitofu zeAstraZeneca “kulithamsanqa elikhu kwiphondo”.
Njengoko bekulindeleke ukuba esi sitofu sisasazwe ngokukhawuleza, uMphathiswa wezeMpilo, uGqirha Zweli Mkhize, uye wakunqanda oko emva kokuba uphando lweengcali zamachiza lubonakalise ukuba esi sitofu asinamandla angako okudodobalisa intsholongwane yekhorona.
“Ukulinda iiveki ezimbini phambi kokuba sisasaze esi sitofu kusinika ithuba lokulungisa, sivingce amagingxigingxi asenokuvela, ikwasinika ithuba lokuqeqesha abasebenzi besebe,” utshilo uSihlalo weKomiti yezeMpilo komkhulu eBhisho uMxolisi Dimaza..
UDimaza uthi ooceba neenkokeli zesintu kwezinye iilali neengingqi, khange zifakwe kwizicwangciso zosasazo lwesi sitofu.
“Ukunqunyanyiswa kosasazo lwesitofu kusinika ithuba elihle lokuba senze izicwangciso eziquka wonke ubani ekumele adlale indima. Sifuna ooceba, imibutho, abakwalizwi neenkosi babe yinxalenye yeqela eliza kujongana nokusasazwa kwesi sitofu,” utshilo.
UMphathiswa weMpilo, uSindiswa Gomba, uthethe noonondaba ebutsheni beveki, ezingomba isifuba ngelithi baqalisa naninina ukwenza lo msebenzi.
“Sikwiphulo lokufumana abancuntsi besi sitofu abangama571 kwaye siza kumisela izitishi ezingama1158 apho ugonyo luya kwenziwa khona,” utshilo uMphathiswa.
Urhulumente wephondo ujonge ukugonya malunga nezigidi ezine zabemi kwaye kuqikelelwa ukuba le nkqubo iza kuthatha iinyanga ezilithoba, yaye iya kohlulwa ngezigaba ezintathu.
Nangona ezi zithembiso zivakala nje, unobhala wekomiti yeXhora Mouth Community Health, uPhumzile Msaro, akanalo tu ithemba. UMsaro nekomiti yakhe kudala bekhankasela inqwelo yezigulane kule ngingqi yabo.
Inkxalabo kaMsaro yeyokuba khange kuthethwe nabo bengabahlali basezilalini zaseXhora Mouth. “Siva nje ezindabeni kuthethwa ngesi sitofu nosasazo lwaso, khange sixelelwe nto tu kwaphela. Kwaye sinoloyiko lokuba abantu bethu baza kusetyenziselwa ukuphanda inokuba eli chiza liyasebenza okanye hayi,” utshilo
“Siyazi kakuhle ukuba abantu basezidolophini bakwiimeko eziphucukileyo kwaye banolwazi. Kufuneka kufundiswe wonke umntu ngokubaluleka kogonyo,” uMsaro utshilo.
Uhambisa ngelithi ukuhamba imigama emide iza kutyhafisa abantu kwaye uthemba ukuba isebe liza kwenza imigudu yokusondeza ugonyo eluntwini.
Okwikomiti yempilo eAmathole District, uXolisile Sam, naye uthe akazi nto tu ngezicwangciso zogonyo.
“Nathi siyifumana emaphepheni into edibene nesi sitofu. Uloyiko lwam kukuba abona bantu baludingayo ugonyo basengaphoswa ngenxa yokuba behlala emagqagaleni nalapho kungekho zikliniki,” utshilo uSam.- Spotlight