UMakhadzi eseThohoyandou, eLimpopo, bekukokokuqala eseqongeni emva kokubuya kwikhefu.
Image: Instagram
Abalandeli nabathandi bemvumi uMakhadzi bakuthakazelele ukuphakama kwakhe esibhedlele emva kokulala kwakhe iinyanga ezimbini zonke.
UMakhadzi wonwabise uluntu okokuqala apha ku2026 ngethuba ekwibala laseThohoyandou, eLimpopo, xa bekubhiyozelwa usuku lweArmed Forces Day.
UMakhadzi, noyinzalelwane yaseLimpopo odume ngengoma ethi Ghanama, ubhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano uInstagram ebhiyozela ukuphila kwakhe.
KuInstagram wakhe ubhale ukuba uyakuvuyela ukubuya kwakhe esithi: “Ibikokokuqala izolo (ngoMgqibelo) ndibuyela emsebenzini. Ndibulela kuMkhosi kazwelonke ngokuzisa abantu bam sibekunye kwibala ebekukudala ndinephupho lokunwabisa kulo ngenye imini. Ndibulela kuni nonke balandeli bam ngenkxaso enindinike yona.”
Kwividiyo ayifake nalo myalezo ebebonakala etakataka njengesiqhelo onwabile kweli bala noluntu.
Ukuphakama kukaMakhadzi kunike ithemba kwabaninzi.
UMakhadzi ukuphakama kwakhe esibhedlele kuza emva kwengozi yemoto eyenzekayo ngentsasa yangomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga ka2025, esuka eLimpopo esiya eGoli.
Waye wayalelwa ukuba athathe ikhefu ekuculeni into engangeeveki ezilishumi (10) akhe ajongane nempilo yakhe.