UNeliswa Ngada kwakunye nomhlobo wakhe ongasekhoyo uSinesipho 'Bravo Le Roux' Peter.
Image: Instagram
Onikwe uphum' aphele kwinkqubo yokhuphiswano yabantu abatsha iBig Brother Mzansi (BBM) Bazozwa, uNeliswa Ngada, ubhale ileta kwikhasi lakhe likaInstagram ekhumbula obengumhlobo wakhe omkhulu ongasekhoyo, uSinesipho Peter (30) nobesaziwa ngeleqonga igama elithi Bravo Le Roux.
UNgada, xa ebegxothwa ngeCawa yempelaveki esisuka kuyo kuBBM, ufikele kowabo kwiindaba ebengazazi nebengazilindelanga zokuxelelwa ngokubhubha kukaBravo Le Roux.
Kule leta nayibhale ngesiNgesi kwikhasi lakhe, uthe: “Phila ngonaphakade mnganam. RIP. Ndiyakuthanda.”
UBravo Le Roux, iindaba zokubhubha kwakhe zivakale ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kwinyanga yoMqungu ekwilizwe laseSwitzerland.
UBravo Le Roux ebekwayiyo netshomi enkulu yemvumi eyaziwayo yeHip Hop uMzayifani Boltina owaziwa ngelika-Ifani waseGqeberha.
UNgada uye wakhululwa nguBig Brother emva kokuba eye wabetha omnye wabo bebehlala nabo endlini uQue kuba uQue ekhuphe amazwi arhabaxa komnye wabo uDidi.