UPhelokazi 'Leepearl' Mdashe waseNgcobo ubhiyozela impumelelo yakhe kumculo weGqom.
Image: UTHUNYELWE
Okhule ngokuthabatha inxaxheba kwiikwayala zasekuhlaleni nakumakhuphiswano omculo asezikolweni nosele ezenzele igama kwiGqom, uPhelokazi ‘Leepearl’ Mdashe ubhiyozela ingoma yakhe entsha kraca eza kuphuma kwiveki ezayo.
UMdashe (25) noyinzalelwane yaseNgcobo waziwa ngegama likaLeepearl kweli candelo lo mculo. Uthi nangona ephuma kwidolophu engaphuhlanga, oko akuzange kumvalele ukuba angalandeli amaphupho akhe.
Le ngoma yakhe intsha uyenze ngolwimi lwesiXhosa nesiVenda nethi 'Lekompo'.
Enye yeengoma zakhe ethi 'Wamuhle', isetyenziswe kakhulu kwimidlalo yakwaNetflix.
ULeepearl akaphelelanga emculweni kuphela, ukwaziwa nangephulo lakhe analo lokuncedisa abantwana abangamantombazana abaphuma kwizikolo zasezilalini ngokuthi abanike iipheds kwanezihlangu zesikolo.
Igama lombutho wakhe wesisa yiSave A Girl Child. Uthi oku akwenzayo kukunika ithemba kubantwana basezilalini babone ukuba into entle onqwenela ukuba yiyo ube uphuma ezilalini ungayiyo futhi akukho nanye into enokuthi ikuvalele.
Ezinye zeengoma zikaLeepearl zithi, 'iThongo Lam' (nguye noMaster Dee), 'Uliphakade Lam' (nguye noMan B Isilo samakhosi) kwakunye nethi 'Toyota' (nguye noMan B Isilo samakhosi).
Uyafumaneka kwiGqom, Afro-soul, House nakuAmapiano.
Uyafumaneka kuwo onke amakasi onxibelwano onomdla wokumlandela. KuInstagram ngu-@bukhosi_9., X ngu-@Leepearl, kuTiktok ngu-Leepearl official.