UBongeziwe Mabandla ngomnye weemvumi eziqinisekisiweyo ukuba ziza kube zidyusha kwiQuigney Culture Festival.
Image: Facebook
Indawo yolonwabo nezidlo yaseQuigney eMonti neyaziwa ngokuba yiHouse 87, iza kubamba umnyhadala womngqungqo olindeleke ukuba wonwabise amanxila wolu hlobo lomculo ekupheleni kwenyanga yoMdumba.
Lo mnyhadala, iQuigney Culture Festival 2026, ngowokuqala ngqa futhi kulindeleke ukuba ungapheleli nje ekonwabiseni, koko ushiye iinkumbulo zokudyusha kwabathandi bomngqungqo. Awuzubanjelwa holweni okanye ebaleni, koko uza kuba sesitalatweni.
Amagama eqela leemvumi eziza kubayinxalenye yalo mnyhadala abonakalisa ukuba sencotsheni kwawo ngenxa yomgangatho wabo. Ngokokutsho kwabaququzeleli, lo mnyhadala uza kubanjwa iintsuku ezimbini (27-28) kwinyanga ezayo kwisitalato iCaxton neBurns eQuigney.
Umlawuli walo mnyhadala nokwangumphathi weHouse 87, uThando Thomas noyinzalelwane yaseMdantsane, uthi abasokuze bazisole abo baza kuthi bathenge amatikiti kuba iimvumi eziza kube zidyusha zisonwabisa uluntu uninzi lwazo zizalelwe kweli phondo leMpuma Koloni.
UMlawuli weQuigney Culture Festival kwaneHouse 87, uThando Thomas, ngethuba enendibano noondaba baseMpuma Koloni malunga nomnyhadala.
Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa
Ezo mvumi sele ziqinisekisiwe ukuba yinxalenye yalo mdyusho nguBongeziwe Mabandla, Mishy Kope, Internet Athi, Jabulile Majola, Andile Yenana, Ayanda Sikade, Sisonke Xonti, Sakhile Simani, kwakunye noHerbie Tsoaeli.
UThomas encokola neli phephandaba I'solezwe lesiXhosa uthe lo mnyhadala uza kube uziintlobo ngeentlobo – kuquka ulonwabo, imiboniso yefashoni, iimoto, ukutya, indawo yokonwabisa abantwana kwanomdyusho.
Ebalisa ngalo mnyhadala, uThomas uthe: "Nanjengokuba sibhiyozela ukugqiba imnyaka emine siyiHouse 87 sicingile ukuba masenze umbhiyozo ongazukuqwalasela nje iHouse 87 kuphela, koko oza kubhiyozela le ndawo iyiQuigney. Ndikhulele eMdantsane ukuza elwandle eQuigney yayibayinto enkulu ngexesha lethu lobuncinci. Ngokwenza lo mnyhadala lungenelelo lwethu eli ukubuyisela iQuigney kwizinga layo."
Amatikiti ayafumaneka eComputicket. Ukhuseleko loluntu kwaneemoto iHouse 87 ikuqinisekisile.