Ezoyolo

Yizokubona uBetusile noMr Vee Sholo besonwabisa kwiBuffalo City Beach Festival

Abongile Ginya|Published

UMlindelwa Tyekana owaziwa ngelikaManB weManB Music Entertainment EC kwakunye nokwezentengiso uSiya Ngcangisa eOrient Beach apho kuzobanjelwa khona umsitho.

Image: Abongile Ginya / I'solezwe lesiXhosa

Luqinisekisiwe ukhuseleko lwabantwana kumnyhadala wokuqala oza kuba useOrient Beach, eQuigney, eMonti, kulo Mgqibelo umhla weshumi elinesithathu. 

Oku kubhengezwe kwindibano noonondaba yinkampani iManB Music Entertainment EC eza kube isingathe lo mnyhadala ongowokuqala ngqa usenziwa eMonti obizwa ngokuba yiBuffalo City Beach Festival.

UMlindelwa Tyekana, nowaziwa ngelikaManB, uthi lo ngumnyhadala oza kube wohlukile kuneminye kuba kuza kube kuphunyelelwa namabhaso luluntu, kuquka neempahla zesikolo zabantwana ukulungiselela unyaka ozayo ka2026.

"Njengokuba umnyhadala uqala ngentsimbi yeshumi kusasa, abo bazali bafike kwangethuba nabantwana babo baza kubhaqa amaqithiqithi aza kuthi abeluncedo kubazali kunyaka ozayo xa kugxabhagxabhiselwa izikolo kwaye abanye bakufumana namabhaso ayokuphululwa imzimba, imasaji ngamanye.

"Lo mnyhadala ndinyanisile xa ndisithi uza kube unomohluko kuyo yonke eminye esele ikhe yenzeka. Eli kudala iliphupho lam ukwenza umsitho oza kuba unje," utshilo uManB.

Ulonwabo kumnyhadala wokuqala eMonti iBuffalo City Beach Festival.

Image: UTHUNYELWE

Ngokokutsho kukaManB, kuninzi okuza kube kuqhubeka eOrient kuba kuza kubakho nemidlalo emininzi eza kube isonwabisa uluntu nabantwana.

"Abazali bangaxhali bacinge kuzonxilwa qha, baza kukhuseleka kuba baza kube bebekelwe eyabo indawo yokonwaba, futhi naxa bedada ezipulini baza kube begadiwe. Bona bantu abadala baza kube beneyabo indawo eza kube ineemvumi zaseMpuma Koloni."

Le nkampani ithi ithathe iimvumi zaseMpuma Koloni kuphela kuba ifuna ukwenza umzekelo ikwbonisa netalente. Ziimvumi ezingapha kwekhulu eziza kube zidyusha kwaye zisonwabisa uluntu, kuzo singabalula abaziwayo uBetusile Mcinga, Mr Vee Sholo, NaakMusiQ, Deep London, Zuko SA nabaninzi.

UManB uthi umasipala lo uza kuxhamla nangokwezoqoqosho nanjengoko kunabatyeleli abaza kube besuka kumanye amaphondo nakwezinye iidolophu zaseMpuma Koloni.

Ezolonwabo kulindeleke kudlalwe namanqindi, kukhwelwe namahashe, kukhwelwe nezikuta. Kwicala labantwana, baza kube bequbha futhi badlale nakwiJumping Castle. Ukungena emasangweni aseOrient, abantwana yiR50, abafundi yiR100 kwaye abantu abadala ibeyiR200. Abaphathi nkqubo ngabasasazi uHlumela Qabo kwakunye noYarees Mabokela.