UThobeka Buswana onguManejala weThe Voice Lounge.
Image: Uthunyelwe
Obesakuba nguManejala wesikhululo iTruFM, uThobeka Buswana, ubhengezwe njengoManejala omtsha wesikhululo iThe Voice Lounge.
IThe Voice Lounge sisikhululo esitsha sezosasazo esifumaneka ngomnatha wezonxibelelwano, nesizinze eMonti.
UBuswana uqale ngokusesikweni kwesi sikhululo ngomhla wokuqala kule nyanga.
Lo kaBuswana ubuyela kwezosasazo emva kweminyaka esixhenxe wagxothwayo kwiTruFM, zityholo ezo wathi wazilwa ze iKomishini ejongene neembambano zabasebenzi, iCCMA, yagweba ngakwicala lakhe.
“Ndithatha olu xanduva lokuqhuba imibono emithathu kwisikhululo esinye. Lithuba ebendingenokwazi ukuthi hayi kulo. Xa ukhe wakunomathotholo akakwazi ukuphinda aphume kuwe. Kudala ndawuthanda unomathotholo kwaye bendinqwenela ukubuyela kuwo. IThe Voice Lounge yimpendulo kobo bunzulu balo mnqweno. Bendiyazi ukuba ekufanele ukuba kuze kum ngexesha elilungileyo, kuyakuza kum,” kutsho uBuswana.
IThe Voice Lounge izinze eBaysville, eMonti, kwaye ngaphandle kwesikhululo sikanomathotholo somnatho, ikwanegumbi lepodcast kwakunye neloshicilelo ngokupheleleyo.
“Unqwabulule italente ze wenza igalelo elingathethekiyo kwizakhono zecandelo lezosasazo. Oku kusinike ilunda lokuba ngumntu osilungelelo esi sikhunda. Sijonge phambili kwikamva elinefuthe elihle lezosasazo kwakunye naye esemikhaleni,” kutsho iofisi yezengqesho kwiThe Voice Lounge.
UBuswana uyalithakazelela ithuba lokusebenzela nokusebenza kwakunye nenkampani efikelela kubaphulaphuli kwihlabathi jikelele ngosasazo ngqo.