Ezoyolo

UMbali uphumelele ityala loqhawulo mtshato

Oluthando Keteyi|Published

Inkundla ithathe icala likaEnhle Mbali kwityala lakhe loqhawulo mtshato.

Image: Instagram/enhlembali_

Idabi leminyaka emithandathu loqhawulo mtshato phakathi kukaEnhle Mbali Mlotshwa ongumdlali kamabonakude kunye nomvelisi womculo ophume izandla uDJ Black Coffee lifikelele esiphelweni.

UMlotshwa uthe ngokusemthethweni unguNkosazana Mlotshwa kwikhasi lakhe likaInstagram ethetha "ngohambo olubi" olumnike izifundo ezininzi.

"Namhlanje [ngoLwesihlanu], ngovakalelo olukhulu, ndibhala oku. NdinguNkosazana Mlotshwa ngokusemthethweni. Ndibulela kakhulu ngolu hambo lubi lundinike izifundo ezininzi."

Uqhawulo mtshato lukaMlotshwa noBlack Coffee luye lwaba namahla ndenyuka, kwaye lo mdlali kamabonakude kwafuneka abonakalise ukuba wayetshate nalo DJ ngokwesiNtu phambi kokuba batyikitye isivumelwano sokuba umntu ngamnye akhusele impahla yakhe nezinye ezithi yena (prenuptial agreement) xa kwenzeka into emtshatweni wabo.

"Namhlanje [ngoLwesihlanu] uThixo undibekele itafile…Ndibamba ngazibini kwaba bantu ubabona kulo mfanekiso. La magqwetha andincedile andikhumbuza ngobungangamsha endandinabo kum, andikhumbuze indlela ekubaluleke ngayo ukulwa, okona kubalulekileyo ukulwela abantwana bam nangakumbi amalungelo amanina eMzantsi Afrika."

IJerry Nkeli Attorneys and Associates, ebimele uMlotshwa, ibhale kuInstagram ukuba inkundla ithathe icala likaMlotshwa, imvumela ukuba afumane iimfanelo zakhe.

Umtshato wabo wesiNtu wabhengezwa njengosemthethweni nofaneleke u-eyam ngeyakho, nto leyo ethetha ukuba isivumelwano sokuba umntu ngamnye akhusele impahla yakhe khange ithathelwe ngqalelo, kwaye uNkosinathi Maphumulo, owaziwa ngelikaBlack Coffee, wayalelwa ukuba ahlawule imali yokuncedisa kowayengumnkakhe.

"Isivumelwano sikhatyiwe: Inkundla iphinde yasichitha isivumelwano esasityikitywe ngo2017, ichaza ukuba uMbali wayelahlekisiwe kwaye wayengenangcebiso yezomthetho. Isivumelwano asinako ukodlula igunya lemeko ka-eyam ngeyakho ehamba nomtshato wesiNtu."

Uqhawulo mtshato lukaBlack Coffee noMlotshwa lwaqala ukubhengezwa ngo2019, kwaye bebengundabamlonyeni nalapho izinto ezenzeka bucala zazonekwe esidlangalaleni.

Esi sibini sangaphambili siziphilisa kamnandi ngokwahlukana kwaye sikwaqinisekisa intlalontle yabantwana baso ababini. Ngoku uBlack Coffee uthandana nemodeli yaseVenezuela uVictoria Gonzalez.