Usaziwayo uSomizi ugxeke abo bagxeka iinkolo zabanye.
Image: Instagram/Somizi
Umsasazi weMetro FM, uSomizi "Somgaga" Mhlongo, ukhwele ezehlela ebantwini abasoloko begxeka iinkolo zabanye abantu.
USomgaga uthe abantu mabohlukane nokuthi xa boyisakele ukuba ngamagqirha okanye boyisakele yintsindiso, bagxeke loo nkolo baphumileyo kuyo. Lo saziwayo uthethe oku emva kokuba kunabanye oosaziwayo abaveza izizathu ezibabangele bayeke intwaso.
Phakathi kwabo ubale umdlali odumileyi kwimidlalo kamabonakude Isibaya neGenerations, uSiyabonga Thwala, nosandula kuphuma elubala ngokuyeka inkolo yobuNazaretha. Abanye oosaziwayo baquka, uGogo Skhotheni osanda kusindiswa emva kokuyeka ukuba ligqirha. Owake wangumdlali kumdlalo kamabonakude iGenerations, nokwangumama womntwana kaSomizi, uPalesa Madisakwane, noThabiso Mokhethi, nabayeka intwaso, bazimanya nenkolo yobuKhrestu. Ukanti nemvumi uPhelo Bala usandula kuphuma elubala ngokuyeka ukuba ligqirha.
USomizi uthe ayikho ingxaki ngokuba umntu aguquke, azalwe ngokutsha, akhethe iNkosi.
"Ayikho into embi ngalo nto. Bubomi bakho. Yindlela yakho. Yinkululeko yakho nelungelo lakho elukumgaqosiseko. Akukho ngxaki. Into endihlupha umphefumlo futhi nebekungekho sidingo sayo, kukugxeka into osuka kuyo. Asikho nje isidingo sokugxeka into obuyiyo. Qhubekela phambili"
Uthe xa ubona ukuba into obukuyo ayikusebenzelanga, gqithela kwenye ocinga ukuba ingakusebenzela.
"Musa ukugxeka ngoba yiyo into endinengxaki nayo, ngoba kukudelela abantu abasakholelwa kuloo nkolo wena usuka kuyo. Ungayenzi loo nto ngoba awuyi kufumana nto ngokugxeka inkolo yomnye umntu," utshilo kumakhasi ohlukeneyo onxibelelwano.
Uthe kukho abantu abafike baxhele iibhokhwe kuba bekholelwa kwizinyanya.
"Jikijiki, wena sele usithi ukukholelwa kwizinyanya ngamadimoni, kwaye ukuhlabela izinyanya iibhokhwe akunamsebenzi. Omnye ubengumKhrestu okholelwa eBhayibhileni nakuYesu, jikijiki uYesu yinto engekhoyo."
Uthe umntu makagxile kuloo nto akholelwa kuyo ngoba wonke umntu uza kuba yedwa ebhokisini.