UHungani noStephanie bothuse abantu abaninzi xa bebhengeza ukuba baqhawula umtshato.
Image: Instagram
Abadlali bakamabonakude abathandwayo eMzantsi Afrika, uHungani noStephanie Ndlovu, babhengeze ukuba bohlukene emva kweminyaka emithandathu betshatile.
Esi sibini, nesaziwa ngokudlala kwinkqubo kamabonakude edumileyo iScandal!, sitsale iintliziyo zabalandeli ngobudlelwane baso obuthandekayo, kodwa bagqibe kwelokuba bohlukane.
Ngokwengxelo yeNews24, abakwaNdlovu bafikelele kwisivumelwano, bechaza ubudlelwane babo "njengokwahlukana okungenakulungiseka."
Uhambo lwabo lwaqala ngomtshato omncinci egadini ngomhla wama23 kweyoMdumba ka2019, kwaye babhiyozela unyaka wabo wesine betshatile ngo2023, babesoloko bethathwa njengesibini esibonisa umgangatho kwishishini lwezolonwabo.
Esi sibini sinentwazana eneminyaka emithathu ubudala, uRhulani, osandul’ ukubhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa kweyeSilimela.
Nangona bengabantu abadumileyo, izizathu ezizeleyo zokwahlukana kwabo ziseyimfihlo, nto leyo ekhokelela kungquzulwano lweengxoxo malunga noxinzelelo lokuduma kunye nokuguquka kwemeko yomtshato eMzantsi Afrika.
Olu qhawulo mtshato lwenzeka phakathi kokunyuka kwamazinga oqhawulo mtshato eMzantsi Afrika, iinkcukacha ezisanda kupapashwa ezivela kwiStats SA zidiza ukuba imitshato eyaqhuwulwayo engama22 230 yaqukunjelwa ngo2023, ukunyuka okuphawulekayo nge10.1% kumatyala angama20 196 arekhodiweyo ngo2022.
Iinkcukacha manani zibonisa ukuba uninzi loqhawulo mtshato lwenzeka kwishumi leminyaka lokuqala lomtshato, ngokufanayo nabakwaNdlovu.
"Ngo2023, i42.0% yoqhawulo mtshato ibibandakanya izibini ezitshatileyo nezihlale ngaphantsi kweminyaka elishumi. Oku kunyuka kubonisa ukuba abemi boMzantsi Afrika bathe gqolo ukushiya imitshato abangonwabanga kuyo kunokuba bahlale ngenxa yoxinzelelo lwentlalo," itshilo iStats SA.
Njengoko abakwaNdlovu beqalisa iihambo zabo ezahlukeneyo, ibali labo lisisikhumbuzo sobunzima bothando kunye nokutshintsha kobudlelwane kuluntu lwangoku.