Iqhula elingasekhoyo uEbenhaezer Dibakwane.
Image: Supplied
Usapho lweqhula loMzantsi Afrika uEbenhaezer Dibakwane lukhuphe ingxelo ngoLwesibini, umhla we11 kweyoKwindla, malunga nokubhubha kweli qhula elibhubhe ngoLwesihlanu, umhla we7 kweyoKwindla ngokuzibulala.
Ingxelo idize ukuba uDibakwane ubhubhe emva kokuzibulala: "Ezi ntsuku zidlulileyo bezibuhlungu kuthi, njengoko singakwazi ukumelana nokubhubha kwakhe. Ubungqina bokuqala bubonisa ukuba uEbby ubhubhe ngokuzibulala, nesilindele ukuba kuya kuqinisekiswa ngokuhlolwa komzimba wakhe.
"UEbby wayesaziwa kakhulu ngetalente yokwenza abantu bahleke, kodwa wayenengxaki nomvandedwa iminyaka eliqela.
"Ngoxa ukusweleka kwakhe kusenza buhlungu thina nabaninzi ababemthanda, kungumthandazo wethu ukuba kusikhumbuza ukuba sifune uncedo lweengcali apho kuyimfuneko."
Inkampani yezolonwabo ebekuyo, iPickled Ginger, ibhengeze kumakhasi onxibelelwano ukuba eli qhula libhubhile, kwaye uMzantsi Afrika usadandathekile kukulahlekelwa ngomnye wamaqhula aphambili.
Oosaziwayo abaninzi kunye nabalandeli baye banika imbeko kuDibakwane kwaye babelana ngamaxesha akhethekileyo ababenawo naye kumakhasi onxibelelwano.
Umngcwabo wakhe uza kubanjwa ngoLwesihlanu we14 kweyoKwindla, ngentsimbi yesixhenxe kusasa eMbombela, eNelspruit, eChurch Unlimited.
Ukuba wena okanye nabani na osondeleyo kuwe unengxaki nomvandedwa, nceda uqhagamshelane neSouth African Depression and Anxiety Group kule nombolo 0800 567 567.