ABANTU abaninzi bajongene namaxesha anzima nomvandedwa (depression) , kwaye oku ixesha elininzi bakugcina ngaphakathi kubatya, abanye babo bade bathathe izigqibo eziqatha ezifana nokuzibulala.
Kuye kube ngcono xa ubani esiza ngaphambili azixele ukuba uyoyisakala, aze acele uncedo.
Umsasazi we-trufm, uSilulami Bunu, ube ngomnye oxelele inginginya yabalandeli bakhe ukuba ujike sele esithathile isigqibo sokuzibulala, endaweni yoko wafuna uncedo.
Kumbhalo awuxhome kuFacebook wakhe ngentlwa yangoMgqibelo, lo msasazi uthi ebesele eligqibile ukuliqulunqa iqhinga lokuthabatha ubomi bakhe kwaye bekungekho nabani owaziyo.
Ebhala nje uthi ebekhutshwa kwisibhedlele sengqondo.
“Ebomini, never say never. Today i got discharged from Mondia Health Sunnyside Psychiatric Hospital. Never judge abantu abacinga ngokuzibulala ngoba awuyazi imeko abakuyo.
Life is not fair kwabanye bethu guys and the more intsuku zihamba, kuya kusibanzima ngakumbi, liphele tu ithemba lokuba kungakhanya ngomso. We are dealing with izinto ezingaaaaphaya kwamandla ethu. Ezinye ziiChildhood traumas, ezinye sidibana nazo kwalapha ekukhuleni. Siyashiyana ke ngendlela esimelana ngayo nobunzima bobomi,’’ kubhala uBunu.
Lo msasazi weLunchtime Shandis yetrufm uthi nkqu inkosikazi yakhe, usapho, izihlobo noogxa bakhe emsebenzini, bebengazi ngesigqibo asithathileyo.
“When they say “let’s be kind to one another” akuxokwa. From 15 - 19 May bendibuya emsebenzini and plan indlela endiza kuzibulala ngayo. Yep, the plan was to do it on Sunday 21st May. Nobody knew, not my wife, family, friends, colleagues, no one.
“My days were normal, nothing changed, I was the same Slujah owonwabisa abantu apho akhoyo, kubemnandi kuhlekwe, same energy, same vibe. Ndivuka ekseni, go to gym, ndiyokwenza i #LunchtimeShandis, prepare for the next show noAsive, get back home, post some jokes and pics on social media, ndiyokugqibezela iPlan yam. "
Akhange uBunu asixele esona sizathu sokusindeka kwakhe emphefumlweni, kodwa uthi ngenye imini uyakubalisa.
“I know ukhona othi ‘Haybo njani Slujah, not wena. You are living your dream, your face is on billboards and taxis, you host one of the best radio shows in the province, you are married, unendlu, people love you, etc, yintoni le ingaka? Masiyibekele enye imini leyo.”
Intombi kaSlujah ibigqiba unyaka izelwe, kuloo mbhiyozo ububanjwe lusapho akukho mntu beyazi ukuba sele egqibe ekuzingeniseni esibhedlele.
“On Saturday 3rd June I was celebrating my daughters 1st birthday with family and friends, nobody knew ukuba Sunday 4th June me and my psychiatrist sesigqibile ukuba I will be admitted eMondia Health Sunnyside, isibhedlele sengqondo.
“ Yep, bendihleli nabantu abaphazamisekileyo engqondweni. Guess what, imajority ngabantu abatsha ebendihleli nabo, iYouth mntase, Whites, Blacks, Indians, from different backgrounds, cultures and professions. Abanye bancinci nakum but sonke sidityaniswe yiMental Health,” kubalisa uBunu.
UBunu uthi akukho mntu omnyanzele ekuthatheni esi sigqibo, nguye othathe isigqibo sokuya eSunnyside.
“Into iqala kuwe mntase ngokuvuma ukuba unengxaki and udinga uncedo. I asked my psychiatrist to find me indawo endinokuya kuyo ngoba ndiyoyisakala. I’m not gonna write into ende, I just wanna say DEPRESSION IS REAL. Take care of your mental health and only you can save yourself, nobody else.”
Uphinde wabuya wacebisa amadoda ukuba angaze abeneentloni ukuthetha phandle ngokubanomvandedwa.
“ To all the Dyans, I know akukho lula gents and soze kube lula nanini na. Don’t ever feel ashamed of ukuthetha nomntu ngengxaki okuyo. If awukwazi ukuthetha namajita or iFamily, find a professional, umntu ongazoku Judga or uphume nakuyo nantoni na ephazamisana neMental health yakho and believe me, you are not a failure or less of a man ngokwenza njalo instead usindisa ubomi bakho. Depression ayipheli emntwini guys, there will always be triggers, find indlela ekusebenzelayo to cope with it,” ucebise watsho.
“Ndingabakanti ndisindile ngoku, who knows, maybe ngomso andizokusinda but ndifuna wena usinde, ithuba lisekhona. I love you,” ugqibezele watsho uBunu.
UBunu ayingowokuqala ukuthetha phandle ngengxaki yokuziva ephantsi konxinzelelo. Kutsha nje, umsasazi kanomathotholo uDineo Ranaka ibe ngomnye ophumele elubala ngokubaneengcinga zokuzibulala.
Related Topics: