EMVA kokufumana usana lwakhe oluchithe ixesha lugcinwe ngoogqirha emva kokulubeleka phambi kwexesha ebutsheni balo nyaka, umsasazi weendaba kumabonakude uLisakhanya Pepe uphokoze imbilini ngobunzima athe wabuthwala ngethuba ekhulelwe.
UPepe uthi ebesele engesenalo ithemba lokubangumama ngenxa yokuchithekelwa zizisu amatyeli aliqela.
“Mandabelane nani ngebali lam. Ndihlala ndisithi phambi kokuba uThixo andinike into endiyifuna ngokwenene uqale andicikide ukuze andibone ukuba ndimthembile kwisini na. Uye aqinisekise ukuba ndiyalila, ibe ngathi soze ndiphinde ndiphakame okanye ndincume kwakhona,” uqale watsho uLisakhanya ebhala kuFacebook wakhe.
“Kwiminyaka emininzi edlulileyo, mna noTaka Honey (uhlobo abiza ngalo umyeni wakhe) sagqiba ekubeni sibe nomntwana. Ngethuba sidibana uHoney wayeneminyaka emithathu kuphela, umntakwabo wayeneminyaka eli-12. Ndiyayazi abanye benu bebecinga ukuba uHoney ngumntwana wam,” kubhala lo nondaba weNewzroom Afrika.
Ubalise wathi zaphoncuka zonke izisu zakhe kwisithuba nje sonyaka bezama umntwana nomyeni wakhe.
“Ndiye ndakhulelwa ngo2021 emva kokuba mna nomyeni wam sivumelene ngokuqala usapho, kodwa ngelishwa azalunga zonke izisu zam ngonyaka nje omnye,” kubhala uPepe.
Uthi uhlangabezene nobunzima ngethuba ephuma engena esibhedlele.
“Umyeni wam ebehlala esecaleni kwam, elilisana nam, kwaye endisa kubo bonke oogqirha abaziingcali elizweni.”
“Omnye ugqirha eMhlanga, eThekwini wathi mandikhe ndijonge neIVF (indlela yokwenzelwa umntwana elabhorathri kwabo bangakwazi kukhulelwa) kuba kucacile andikwazi kuphatha mntwana ngokwam,” kubalisa uPepe.
UPepe uthi ngeli thuba wayesele encamile engasafuni kwamntwana kodwa yena umyeni wakhe efuna bancamele kwi-IVF.
“Ndalila ndisithi andisafuni mntwana kuba ndidinwe ngokwasemoyeni. Ndathi kumyeni wam masingayenzi le IVF sibe sidlala ngemali.”
UPepe uye waqaphela ukuba ukhulelwe kunyaka ophelileyo emva kokutyiswa utsiki eNtabankulu.
“Kwaye ndikhulelwe amawele – inkwenkwe nentombazana! Kanye ngaloo mini ndangeniswa esibhedlele kuba amanzi ayegqabhukile. Ndandineeveki ezili-17 (iinyanga ezine) kuphela! Ndaphunyelwa sesinye isisu, ndabe ndiphulukana nelinye iwele eliyinkwenkwe ngolo hlobo,” uyabalisa.
Uthi kulapho wacetyiswa ukuba makayikhuphe intombi yakhe kuba “anganolosuleleko olunokubangela iingxaki, umntwana aphume engalunganga kwaye naye angaphulukana nesibeleko sakhe.”
UPepe uthi ngumyeni wakhe ongazange asivume esi sigqibo ngelixa yena wayengesenamandla okulwa, evuma yonke into.
Ekuqaleni kweyoMdumba kulo nyaka uPepe ube ngumama kwintombi yakhe u-Uminathi. Ukhe wahlala ithutyana, kwafuneka aqhubekeke nobomi ngaphandle komntwana wakhe kuba ebezelwe phambi kwexesha. Ngoku uPepe wonwabele ukubangumama kwintombi yakhe.
Related Topics: