Isandul' ukuval' unyaka njengengoma enkulu eMzantsi Afrika, ngoku ingoma kaBetusile Mcinga ethi Ngena Noah iphinde yazibek' emanqwanqweni njengoko ityunjelwe kwiiMbasa zoMculo zeMetro FM (MMA23).
Le ngoma yiyo kuphela yohlobo lwegospile phakathi koluhlu lweengoma ezikhethwe kwibakala leNgoma yoNyaka (Song of the Year).
Uluhlu lwabatyunjwa lubhengezwe kwiveki ephelileyo.
Ebalisela I'solezwe lesiXhosa ngokuchongelwa kwakhe kwiiMetro, uMcinga uthi oku kuthetha lukhulu kuye kuba uhlobo lomculo alwenzayo lweTraditional Gospel alunathamsanqa lokudlalwa koonomathotholo abanjengeMetro FM.
“Loo nto yenze ukuba abe mbalwa amathuba okungenela kwezi mbasa zabo xa ungumculi wale gospile ndiyenzayo. Iphinde ke ibe yinto engaqhelekanga kwa-ukuba ingoma yegospile ikhuphisane neengoma zomjuxuzo ingakumbi kwiNgoma yoNyaka.
Le mvumi ithi ayikakholelwa ukuba ichongiwe kwiiMMA.
“Ayikangeni ncam ukuba nyani iyenzeka le nto. Kodwa ndiyambulela uThixo ovule iminyango yeentliziyo zabantu bayithanda kangaka le ngoma,” kuncokola uMcinga.
Ayikokokuqala uMcinga etyunjelwa iNgoma yoNyaka, indumasi yengoma yakhe ethandwayo, uZundithwale, yatyunjwa ze yaphumelela kwiimbasa zeCrowns. Kodwa le nzalelwane yakuGatyane ithi oku akusondelanga kuNgena Noah kuba wohlule unyaka.
“Naxa sithelekisa amanani, le ingoma sele ihambe kakhulu ngexeshana nje elingangeenyanga ezintandathu iphumile, ingaphezulu kwezigidi ezibini kuYouTube kwaye ndiqinisekile sele ingapha kwebakala legolide ngokokuthengwa online,” kutsho uMcinga.
Lo nyana wegqala lemvumi yegospile uLusanda Mcinga uyavuma ukuba ngenene uNgena Noah mkhulu kunoZundithwale.
“Oko kuyandivuyisa kuba emva kweshumi leminyaka ndakhupha uZundithwale ndiyaqala kulo nyaka ukuba ndiphume eqongeni ndingamculanga uZundithwale, kodwa abantu befuna uNgena Noah apha, kutsho ukuthi ndikwazile ukukhupha ingoma engaphezulu koZundithwale,” kuncokola le mvumi.
UMcinga uthi ukutyunjwa kwakhe kwiiMetro iza kuba yinkuthazo kuwo onke amagcisa ahlala eMpuma Koloni - yokuba amaphupha ayafezeka engadanga umntu aye eGoli.
“Kwaye xa sisebenza kanzima uThixo uyakwazi ukusivuza ngezinto ezinkulu esingazange sacinga ukuba zingenzeka, futhi njengemvumi ezimeleyo engekho kwinkampani enkulu yezomculo, ukuwina kwam kuyokunika ithemba kwiimvumi ezininzi ezisakhulayo ukuba umntu avuke azenzele esebenzisa lo nto anayo nokuba incinci kangakanani,” kutsho uMcinga.
UMcinga uza kuqala ukonyuka esehla, ecela iivoti ukuze aphumelele le mbasa. Ucele oosomashishini abanomdla wokumxhasa ukuba benze njalo ngokutsalela uSinalo Mcinga ku073 903 1424 okanye bathumele iEmail ku: mcingasinalo@gmail.com.
Ukuvotela uBetusile ucofa *120*45787# ukhethe uOption 1 weSong of the Year, uphinde ukhethe uOption 7 kaBetusile Mcinga. Ukuthumela umyalezo omnye kwakudla iR1. 50c
IMetro FM Music Awards ziza kubanjelwa kwiphondo laseMpumalanga ngomhla wesithandathu kuCanzibe.
Related Topics: