KANYE kunyaka weshumi kususela oko iqela lomculo labathathu elizibiza i047 laqala ukuhlangana kukhuphiswano lomculo eMthatha, kulo nyaka liphumelele imbasa yokuqala ngqa.
Eli qela lithiwe jize ngale mbasa yeQela eliBalaseleyo (Best Group) kwimpelaveki ephelileyo kumsitho wePhondo weeMbasa zoBugcisa neNkcubeko.
Eli qela le-047 lenziwa ngamalungu amathathu, uNgcali Nundu, Lihle Baleni noSihle Mdaga baseMthatha.
Kule minyaka ilishumi, i047 ikhuphe ucwambu lwecwecwe elibizwa Wena Ungowam nelinengoma eyathengisa de yafika kwinqwanqwa leplatinum kwaye yadlalwa koonomathotholo abaliqela ebizwa Ubuhle abayicula bekunye noVusi Nova.
Eli qela likhwele kumaqonga ngamaqonga kwaneminyhadala kwilizwe jikelele, kwaye labelana ngeqonga nemvumi yaseMelika, uCarl Thomas ngo2018 eSunBet Arena eRhawutini.
Kwakhona, i047 iye yakhupha ingoma eyaziwayo ethi I Love You Daddy necwecwe labo leEP elibizwa Thula Ndivile ngo2022.
Eli qela lomculo livakalise umbulelo ngokuphumelela le mbasa, kwaye bonwatyiswe kukunikwa le mbasa ligqala lemvumi uLoyiso Bala.
Bekunye noBala eqongeni, i047 icule ingoma yohlobo lweAcapella ngethuba isamkela le ndondo.
Related Topics: