EMVA kokubhalisa igama lakhe ngengoma emnandi eyaduma kwizwe lonke ethi Qhawe Lam, uZuko SA uphinde wabuya nokracaza omtsha wengoma ethi Andikalibali.
Kule ngoma isandul' ukophulwa embizeni, uZuko SA ucula noVusi Nova.
Incokola ngale ngoma, le mvumi egama lokwenene linguZuko Kupiso, ithi uAndikalibali yingoma yethemba.
“Ndathi ndakuziva ukuba ndihlangabezana nokuninzi kwaye imeko yam ingaphaya kwamandla am, kwanyanzeleka ndibalekele kuSombawo ndimcele ukuba andilwele nanjengoko wathembisa,” kutsho le nzalelwane yaseDutywa.
UZuko SA uthi uVusi Nova benezakhe ahlangabezene nazo naye.
“Uye wafuna ukwabelana ngazo kule ngoma, saze sadibana saphuma nocwambu obelungalindelwanga,” kongeza le mvumi.
UZuko SA, 27, ucula umculo wohlobo lweAfro-Soul, kwaye ilizwi lakhe elimyoli nelithambileyo limbeke emanqwanqweni zisuka. Akaphelelanga nje ekuwubhaleni nasekuwuculeni umculo, kodwa ukwayiyo neprodyusa ephume izandla.
Ingoma yakhe yokuqala awayikhupha ngo2017 yamvulela indlela uZuko SA, watsho wadlalwa koomabonakude nakoonomathotholo umculo wakhe.
Iingoma zakhe eziliqela zidlala kwisizini yokuqala neyesibini yenkqubo ephambili kwiShowmax, iThe Wife.
Ubalisa athi zange akwazi ukuzibamba luvuyo mhla eqala ukuva ingoma yakhe idlalwa emoyeni.
UZuko SA ukholelwa ukuba ilizwi lakhe nomculo wakhe unyanga umzimba, ingqondo nomphefumlo.
“Umculo ndiwenzela ukukhuthaza nokuzisa ithemba ngesingqi phambi kokuba amazwi afikelele kumphulaphuli,” utshilo.
UZuko SA unethemba lokuba abemi beli nabamanye amazwe bazokuyonwabela le ngoma, bawuve nomyalezo okuyo, baqale kwaye bagqibe usuku lwabo ngayo.
Related Topics: