ABAHLALI baza kuva ukuba kutheni le nto iqhula, uTsepiso Nzayo engalasti, kwanesizathu sakhe ‘sokuyibaleka’ ngeenyawo zombini ibhotile yotywala.
Oku kuza kwenzeka embindini weveki ngethuba uluntu lukwiholide yoSuku lweNkululeko.
Kulo mcimbi wakhe obizwa Single & Sober Comedy Special with Tsepiso Nzayo, eli qhula liza kujamelana ngqo neziganeko zobomi balo bomdyolo kwanotywala ngendlela ehlekisayo.
Exelela I'solezwe, uNzayo uthi emva kweminyaka eqhula eqongeni uziva ekulungele ukwabelana ngenxenye yobomi bakhe nabantu.
“Le ngcamango ize emva kokuqaphela ukuba kuninzi endingakubalisa ngehambo yam yokuyeka utywala nokungalasti kwam,” utshilo.
UNzayo ukholelwa ukuba onke amava obomi ahamba nemfundiso.
Eli qhula lithi kudala lazazi ukuba liza kuyeka ukusela utywala kodwa belilinde ixesha elifanelekileyo.
“Ukuyeka ukusela kufuneka ufikelwe yinto ethi yeka. Akho kwamntu onokukhuthaza ukuba yeka. Ndizikhuthazile kwaye ndasebenzisa neComrades Marathon ka2022 njengendlela yokuzilumla. Yafika yadlula iComrades kodwa andabuyela etywaleni, ndathatha isigqibo sokuba mandiyeke,” kubalisa uNzayo.
Ukwadize ukuba aza kube ekhona amaqhula amabini amkhaphayo angawabizanga ngamagama.
UNzayo ukwanguye nombhali weencwadi. Kutshanje ukhuphe incwadi yakhe entsha yemibongo ngolwimi lwesiXhosa. Uyichaze inkxaso ebonakaliswe ngabantu abathenge le ncwadi njengechulumancisayo.
Ofuna ukuva ke uTsepiso etwela iindaba zakhe angamfumana eMakhanda ngowe26 kaTshazimpuzi, abeseGqeberha ngowe27, aze agqibezele eQonce ngoLwesihlanu we28 kaTshazimpuzi.
Kuzo zontathu ezi ndawo uqala ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.
Amatikiti afumaneka eComputicket okanye kuye buqu kwinombolo engu:073 966 1583.
Related Topics: