Ezoyolo

Umbhali ubalisa ngomhlobo wakhe ‘owathakathwayo’ kwincwadi entsha!

SIM FREDDIE|Published

INCWADI entsha ethi 'Zigqitywa Kuhlwile, Zibonwe Liwuhlabile' yingqokolela yamabali amafutshane ebhalwe yinzalelwane yaseSajonisi uMzoli Mavimbela.

Le ncwadi, enamaphepha ayi149, ayi16 kuwo yimixholo ezothando, iinkolelo ngokuthakatha okanye ukuthakathwa, iziyobisi, urhwaphilizo namanye ke amabali agudle isimo sentlalo yamaMpondo anganeno naphesheya kweQawuka eSajonisi.

"Umbhali uyiphandisisile yonke imixholo yawo, isekelezelwe kwiziganeko zobomi bokwenene," kutsho uMavimbela encokolela I'solezwe lesiXhosa ngale ncwadi.

Le ncwadi ipapashwe ngesibonelelo senkxasomali yokuzipapashela yakwaNational Library of South Africa.

Kwibalana lokuqala elisihloko sithi uSifologu, umbhali uzinxibise izihlangu zomlinganiswa ophambili, okhulele phantsi kwempathombi kanin' omncinci njengoko uyise uSifofololo wamfumana eThsorweni kwintombi yeBala.

"Emva kwentlukumezeko ende, unin' omncinci emphethe mbengwana ziye zajika izinto, ubomi balo mfanyana babhetelana emva kokuba ethathwe liKomkhulu lakwaNjilo, eMampondomiseni. Sithetha nawe nje unguGqirha ophume izandla," uMavimbela usibalisela ngamabalana aqulethwe yile ncwadi.

Ibalana le-15 elisihloko sithi uDingindawo lithetha ngobomi bokwenene bomhlobo wombhali owaphela ephambaniswa ngamagqwirha.

"Kuba ekrelekrele ekramza kwanto ezizifundo phambi kwakhe eWSU. Amagqirha nabathandazeli baseMajola eSajonisi naseThombo bazama ukumbuyisela ebuntwini kodwa kwacaca ukuba kuntlanga zimka nomoya, iqhinga lokumnyanga limke nenja. Xa uhambahamba kwisitalato iChattam eMthatha akuyi kothuka, gxebe uya kothuka xa ubuliswa lelo geza labumini libetha ntsunte (lihamba ze), " kubalisa uMavimbela.

Le yincwadi kaMavimbela yesine. Ngaphambili ukhuphe ethi Chosi Ntsomi (Iintsomi ezipapashwe ngo2016 ngabakwaMbana Designs and Printing eKapa), emva koko ulandelise ngethi Zezani na ezi zililo? (Imibongo epapashwe ngo2019 ngabakwaMbana) nenye ethi Masibuyel' eMbo, Konakele Phi Na?

"UMasibuyel' eMbo luncwadi lwemveli oluluhlobo lwe-ethnografi, apho kuphandwe kuqanyelelwa ngeencwadi esezipapashiwe, imithombo yolwazi efana nee-akhayivu, amaphephandaba, udliwanondlebe neenkcubabuchopho zamasiko nezithethe zakwaXhosa kwakunye namava ombhali ngala masiko, amachiza esiNtu, iintlobo zeengoma nemidaniso yakwaXhosa, unqulo lweminyanya kunye nokubaluleka kotywala besiNtu kwaXhosa. Yona ipapashwe ngo2021 nguWeza Home Publishing eRhawutini. "

UMavimbela ngunyana wokuqala kubantwana abane bakaMam' uNodumo Bangani intombi yakwaKhiwa eMajola. Utata wakhe nguTat' uZolani Mavimbela, wakwaFaku kooNyawuza baseNgxongweni eSajonisi.

UMavimbela, 31, ufunde kwizikolo ezifana neLuphaphasi J.S.S, eMevana J.S.S naseMtyu J.S.S. Aphezulu wawenza eZanokhanyo naseGcinumthetho S.S.S.

Imfundo enomsila wayithi rhabu eWSU ngo2010 apho wayelinga iBSc. Environmental kodwa waphela eyokwenza iBachelor of Social Work eNelson Mandela University eGqeberha ngo2011. Lo mbhali uye wathwala isidanga see-Onazi kwaye ngoku uxakekile zizifundo zebakala leeMasters.

UMavimbela, osebenza njengoNontlalontle eGeorge eNtshona Koloni, uthi uthanda kakhulu uncwadi lwemveli, amabali amafutshane, imibongo neenoveli.

"Uhlobo oluhamba phambili endiluthandayo ngamabali amafutshane kuba awadingi phando lungako kubalinganiswa, iploti, umxholo nempixano yebali njengokuba kungenjalo kwiinoveli. Ewe, ndizithanda kakhuluu iincwadi zesiZulu nezesiNgesi, zininzi ke esendizifundile kodwa ndingabala ekaDBZ Ntuli - uBheka, nekaZakes Mda - The Madonna of Excelsior nekaWilbur Smith - The Diamond Hunters, ekaPixie Emslie - The cry of the rock nethi The rap singer's song kwakunye nekaNiq Mhlongo - Dog eat dog.

"Ngegama elinye nje elifutshane, ndikholelwa kakhulu ekufundeni nje zonke iilwimi, ndinawo nomdla wokufunda isiShona, isiSwahili nesiPhuthukezi iNkosi ivuma," kutsho lo mbhali.

UMavimbela ukwaguqulela esiXhoseni amabali abhalwe ngesiNgesi. Ukhe waguqula incwadi kaPixie Emslie ethi The Rap Singer's Song.

Xa ufuna ukuxhamla kolu ncuthu lweencwadi, krweca uMavimbela kwinombolo yakhe engu: 0730001407.