INOKUBA apho akhoyo uBetusile Mcinga udlakadlaka kukuyucwa ngabo bazibiza njengabafundi baseWalter Sisulu University (WSU) kwikhasi lakhe likaFacebook.
Okuqale ingumbhalo okhangeleka njengesiqhulo kuFacebook kaMcinga, ubangele kugityiselwane ngamatye ezithuko, "abafundi" beli zikomfundo bethutha le mvumi ngezingakanani zona izithuko.
UMcinga ubhale kuFacebook wakhe izolo esithi "Kuthiwa la Hippo yamapolisa eWSU itshiswe lilanga".
Hayi ke yeka ukukhwela bezehlela kule mvumi yeGospile, bambi beyityhola ngokuhlekisa ngentlungu yabo ngelixa abanye babo bebengaboni xabanisa kulo mbhalo kaMcinga.
Ebhala oku nje uMcinga, abafundi baseWSU kwikhampasi yaseMthatha babambe uqhankqalazo ngoMvulo bekhalazela imiba eliqela echaphazela bona, nekukhokelele kudulubhentsu olubangele kutshiswe isithuthi samapolisa sohlobo lweNyala , konzakala namapolisa.
Oku kubangele zivalwe mba zonke iikhampasi zeli zikomfundo, kwabanjwa nomfundi waseWSU onama24 eminyaka ngokoyamene nesi senzo.
Abo babanga ngelithi ngabafundi baseWSU bakhale ngokuba le mvumi "ihlekisa ngentlungu yabo" phofu babe nabalandeli bakaMcinga bengamyekelanga.
Le ngxokolo isaqhuma kwizitalato zikaFacebook kaMcinga.
Nayo le mvumi kaUzundithwale ithande ukungaphumi ekuthetheni, kwaye ibonakala ikonwabele oku.
Kwiveki ephelileyo, abo bangamalungu eLGBTQI+ kwanabaxhasi besi sizwe simibalabala, bahambe nale mvumi yeTaru Lakho ngomgca.
Kaloku uMcinga ubhale kwikhasi lakhe likaFacebook esithi "Good Night to all Gays and Lesbians and that LGQ what what community ❤👍."
Oku kubangele ingxoxo etshisayo, bambi bemtyhola ngokukhamis' atyhale okanye ukungabahloniphi abo bathandana besini-sinye kuba engababhalanga kakuhle oonobumba beLGBTQI+.
Akaphelanga mandla uMcinga, uziphendulele, etyhola abo bamxwaxwayo njengoophuma silwe abaxhwaleke ngokwasemphefumlweni.
Tsiiiii! Pheza Nduna uza kuba neenduma!