Umdlali uLilitha 'Raphinha' Mweli.
Image: Uthunyelwe
ULilitha 'Raphinha' Mweli nguye ophethe isibane esikhanyise indlela eya empumelelweni kwiqela lakhe lebhola ekhatywayo yamanenekazi, iWalter Sisulu University (WSU), eliza kudlala kwiVarsity Cup 2026.
Eli gqiyazana laseMdeni, kuQumbu, likhule njengaye wonke umntwana oyintombazana, ngaphandle kokuthanda ukukhaba ibhola namakhwenkwe aselalini yakhe.
Amabanga aphantsi uwafunde eMhlontlo Community College apho ebedlala khona ibhola ekhatywayo namakhwenkwe kuba belingekho iqela lamantombazana.
Uphuma kwakhe apho wayokufunda amabanga aphezulu eZimele High School kodwa engayekanga ukudlala ibhola ekhatywayo. "Uphuma kwesikolo bendizilolonga neqela lasekuhlaleni iAmaviyoviyo FC," utshilo.
Ngonyaka ka2024 ufumene indawo yokufunda eWSU kwikhampasi yaseMonti apho enza khona izifundo zobunjineli bendalo nobuchwepheshe.
Ukudlala ibhola ekhatywayo ngokuzimisela kuqale eseseZimele, wazibandakanya neqela lamantombazana elidlala kwiSasol League, iAyakha Stars Ladies FC, yaseMthatha.
"Eli gama likaRaphinha ndalinikwa ngumqeqeshi wam. Wayethi yena ndenza imimangaliso ngebhola, noba ndidlala ephikweni okanye esuswini ndiyayifaka ibhola emnatheni," kutsho uMweli.
Kwimidlalo yeUniversity Sports South Africa, uMweli ufake amagowuli amathathu, athe anceda iWSU iphumelele, kutsho uAyabulela Nkabane ongumphathi weqela lebhola ekhatywayo eWSU BCC.
Imibuzo
Igama: Lilitha 'Raphinha' Mweli
Iqela: Walter Sisulu University Ladies
Iqela alithandayo (eMzantsi Afrika): Kaizer Chiefs FC
Umdlali amthandayo: Thembi Kgatlane
Iqela laphesheya alithandayo: FC Barcelona
Umdlali amthandayo waphesheya: Raphael Dias Belloli (Raphinha)
Inombolo yesikipha: 10
Iphupha: Ukudlalela aBanyana Banyana nokuyodlala kwiFC Barcelona Women