Iqela lebhola ekhatywayo yamanina aseWSU eyenze imbali.
Image: Uthunyelwe
Abadlali bebhola ekhatywayo ababhinqileyo beWalter Sisulu University (WSU) baphume indawo yesixhenxe kwimidlalo yeUniversity Sports South Africa (USSA) ebibanjelwe eUniversity of Pretoria kule mpelaveki igqithileyo.
Eli qela beliqubisene noompondo zihlanjiwe amaqela ebhola ekhatywayo yamantombaza, kuquka nalawo athatha inxaxheba kwiHollywoodbets Super League kazwelonke, kutsho umdlali weqela, uLilitha Mweli.
Umqeqeshi weqela, uBuyisile Khunou, uzingombe isifuba ngempumelelo yeqela lakhe ebelingathenjwanga kuba liphuma kwiziko lemfundo elisezilalini.
"Size apha ukuzokulwela isidima sethu. Abantu bebesijongele phantsi, becinga ukuba siza kuphuma emsileni kuba sidlala namaqela aphuma kwiiyunivesithi ezinkulu ezisezidolophini, kwaye ezinabadlali abaziwayo abanye badlalela iqela lesizwe.
"iWSU iphume isixhenxe phakathi kwamaqela angamashumi amabini. Lo nto ke isibekele indawo kwiVarsity Cup ka2026," utshilo uKhunou. Kokokuqala nqqa eli ziko lemfundo ephakamileyo lifumana impumelelo elolu hlobo kwimidlalo yamanenekazi ukusukela ngonyaka ka2005.
"Impumelelo yethu ixhomekeke ekusebenzeni ngamandla kwabadlali, bengamonelani, bengoyiki nto, bekhokelwa nguKapteni wabo uOkuhle Mrulwa ebambisene noogxa bakhe, endibala kubo uCebisa Mamwele noLilitha Mweli. Ndisebenza nabo kwicala likuqeqesha iWSU ukusukela ngo2022," kutsho okaKhunou.
Le mpumelelo ithetha ukuba iWSU iza kudlala namaqela adumileyo kule midlalo afana neUniversity of Johannesburg (UJ), University of Pretoria (Tuks), Tshwane University of Technology (TUT), Cape Peninsula University of Technology (CPUT) neUniversity of Western Cape (UWC) phakathi kwamanye amaqela akwitumente ezayo.
ULilitha Mweli esebaleni.
Image: Uthunyelwe
Umdlali weWSU, uLilitha Mweli, nowaziwa ngelikaRaphinha, ufake amagowuli amathathu kule tumente, kwaye ngomnye wabadlali bayo abanegalelo elikhulu.
OkaMweli uthe: "Ukufumana indawo kwiVarsity Cup ka2026 yenye yezona mpumelelo zam zinkulu kwibhola ekhatywayo kwaye ndizohlala ndiyixabisile."
Uqhube wathi, "Le mpumelelo iza kukhuthaza abafundi ababhinqileyo kuzo zonke iinkalo zemfundo apha ephondweni ukuba bathabathe inxaxheba kwibhola ekhatywayo nakweminye imidlalo bengasoloko bengababukeli."
UMweli ngumfundi wezifundo zobunjineli kwiBuilt Environment Technology kwiziko eliseMonti laseWSU.
Eli qela belikhokelwe nguAyabulela Nkabane othembise ngelithi, "iWSU iza kwenza konke okusemandleni ayo ukuze iphumelele kunyaka ozayo."