UMiguel Cardoso ucele abalandeli beMamelodi Sundowns bayixhase emva kokubuyela phezulu ngempelaveki.
Image: MS/Facebook
Emva kokuphumelela kweMamelodi Sundowns ngempelaveki edlulileyo, uMiguel Cardoso uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo.
Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns ivuthulule iRichards Bay ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Impumelelo ifike kakuhle iSundowns isophisa emva kokubethwa yiGolden Arrows ngo'1-0 ekuqaleni kweveki ephelileyo.
Amasandawana asuse iSekhukhune United okokuqala phezulu kwiBetway Premiership. Ayikwazanga ukuhlala phezulu iSekhukhune emva kokubambana neChippa United phakathi evekini nasemva kokubethwa kwayo yiPolokwane City ngegowuli elinye emdlalweni obungempelaveki egqithileyo.
Emva komdlalo uCardoso ucele abalandeli beSundowns ukuba bayixhase ngokupheleleyo njengokuba ezama ukuyakha ngokutsha. "Izinto zingangakuhambeli kakuhle iintsuku - kodwa awukwazi ukudlala ebaleni elingekho semgangathweni. Nangona kube njalo, abadlali bakwazile ukuziqhelanisa nalo batsho badlala," utshilo uCardoso emva komdlalo.
"Siqale umdlalo ngamandla safaka namagowuli asinike ukuzithemba. Akufuneki ulinike ithemba iqela odlala nalo ngoba lingakwenza uzithandabuze. Ndifuna ukuxelela Amasandawana ukuba axhase iSundowns. Inabadlali abaliqela abatsha futhi iSundowns iyakhula.
"Ngamanye amaxesha kubakhona ukuphoxeka - kodwa kuninzi okusezayo. Ndingavuya ukuba ndingabona wonke umntu eyinxalenye yeSundowns ezenze ubunganga eminyakeni edlulileyo," utshilo umqeqeshi weSundowns eza kudibana neSekhukhune United ngomso ebusuku.